U‐Hosheha 11
1NXA u‐Sirayeli abengumntwana, ndandula ndamtanda, ndambiza unyana wam apume e‐Jipete. 2Njengokuba bebabizile, kwa njalo bemka ebusweni babo; babingele o‐Bali, baqu̔misela imifanekiso eqingqiweyo. 3Ndamfundisa u‐Frayime ukuhamba, ndabatabata ngengalo zabo: abakwazi noko ukuba ndim owabapilisayo. 4Ndabar̔ola ngentambo zabantu, ngentsontelo zotando: ndandinjalo kubo njengabafunqulayo iyokwe emihlatini yabo; ndababekela ukutya, ndabadlisa.
5Akayi kubuyela elizweni le‐Jipete, kodwa um‐Asiriya woba ngukumkani wake; ngokuba balile ukuguquka. 6Saye isiṙele siya kuhlika ezixekweni zake, sasiya kugqiba imivalo yake, sidle nokudla, ngenxa yamaqinga abo. 7Ngokuba abantu bam bejingela ukupambuka kum: nangona bababizelayo kopezu kwonke, akuko namnye oya kumpakamisa.
8Ndingati nina ukukuncama, Frayime? ndingati nina ukukuyekelela, Sirayeli? ndingati nina ukukwenza njenge‐Adema? ndingati nina ukukumisa njenge‐Tseboyime? intliziyo yam ipetukile pakati kwam, inceba zam ziyavuta kunye. 9Andiyi kwenza ngobushushu bengqumbo yam, andiyi kubuya ukutshabalalisa u‐Frayime; ngokuba ndi ngutixo, ndingengumntu; ndingoyingcwele pakati kwako; andiyi kungena esixekweni. 10Bomlandela uyehova; wogquma njengengonyama: xeshekweni agqumayo, luya kwandula usapo luvele ngobunxamo elwandle. 11Lwovela ngobunxamo njengehobohobo e‐Jipete, nanjengehobe elizweni le‐Asiriya: ndandiya kuluhlalisa kwezalo izindlu, utsho uyehova.
12U‐FRAYIME undipahlile ngobuxoki, nendlu ka‐Sirayeli ngenkohliso: kodwa u‐Juda usesebukosini kunye notixo, unyanisekile kunye nabangcwele.
Bible Society of South Africa 1902