1LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 2Nyana woluntu! teta nalo usapo lwabantu bako, uti kulo:
Nxa ndizisayo iṙele pezu kwelizwe, bati abantu belizwe batabate indoda yasemideni yabo, bayimise ibe ngumlindi wabo; 3ide ibone iṙele lisiza pezu kwelizwe, ivutele ngexilongo, iyale abantu; 4andule eve ovayo intlokoma yexilongo, kanti akayaleki; ukuba liyeza iṙele, limsuse, igazi lake loba pezu kweyake intloko. 5Intlokoma yexilongo wabeyiva, kanti wabengayaleki; igazi lake loba pezu kwake: kodwa lowo uyalekayo wowusindisa umpefumlo wake. 6Naxeshekweni umlindi abona iṙele lisiza, kanti akavuteli ngexilongo, bati abantu bangayalwa; ukuba liyeza iṙele, lisuse omnye wakubo, lowo uyasuswa usetyaleni lake, kodwa igazi lake ndolibiza esandleni somlindi. 7Nawe, nyana woluntu! ndikwenzile umlindi kwindlu ka‐Sirayeli; wauya kuva ilizwi ngomlomo wam, ubayale kwa kum. 8Ndakuti kokohlakeleyo: Wena ukohlakeleyo! uya kufa ngenyaniso; ukuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake, lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako. 9Kodwa nxa umyala okohlakeleyo ngendlela yake ukuba aguquke kuyo, kanti akaguquki endleleni yake; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako.
10Ngako wena, nyana woluntu! yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Kungokunje nitshoyo, nisiti: Nxa izigqito zetu nezono zetu zipezu kwetu, siti tina singcungcuteke kuzo, sesiya kuti nina ke ukubudla ubomi? 11Yiti kubo: Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, anditandi ukufa kwokohlakeleyo, koko nditanda ukuguquka kwokohlakeleyo endleleni yake, ukuba adle ubomi: guqukani, guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli! 12Ngako wena, nyana woluntu! yiti kulo usapo lwabantu bako: Ukulunga kwolungileyo akuyi kumhlangula ngomhla wesigqito sake; nokukohlakala kwokohlakeleyo, akayi kuwa ngako ngomhla aguqukayo ekukohlakaleni kwake; kanjalo olungileyo akayi kuba nako ukudla ubomi ngako ukulunga kwake, ngomhla wokwona kwake. 13Ndakuti ngolungileyo: Uya kubudla ubomi ngenyaniso; ukuba uyatembela ekulungeni kwake, enze ubumenemene, konke ukulunga kwake akuyi kukunjulwa; kodwa ngobumenemene bake abenzileyo, kwa ngabo uya kufa. 14Kanjako ndakuti kokohlakeleyo: Uya kufa ngenyaniso: ukuba uyaguquka esonweni sake, enze okufanelekileyo nokulungileyo: 15ukuba okohlakeleyo uyabuyisa isibanjiselwa, abuyekezele okupangiweyo, ahambe emimisweni yobomi engenzi ubumenemene; uya kubudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa. 16Zonke izono zake azenzileyo, aziyi kumkunjulelwa; okufanelekileyo nokulungileyo ukwenzile, uya kubudla ubomi ngenyaniso. 17Noko, usapo lwabantu bako luti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Kanti bona, indlela yabo ayilungelelene. 18Nxa olungileyo aguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, uya kufa kwa ngabo. 19Naxeshekweni okohlakeleyo aguquka ekukohlakaleni kwake, enze okufanelekileyo nokulungileyo, ngako oku yena uya kubudla ubomi. 20Noko niti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Abanye ngabanye njengendlela zabo ndiya kunigweba, ndlu ka‐Sirayeli!
21KWABEKUTE ngomnyaka weshumi elinesibini wokutinjwa kwetu, ngeyeshumi inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, kweza kufika kum osindileyo e‐Yerusaleme, esiti: Isixeko sibetiwe. 22Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwam ngokuhlwa, engekafiki lowo usindileyo; nomlomo wam wabewuvulile wada wafika kum ngokusa; kwa njalo umlomo wam wavulwa, ndabendingabi sesisidenge.
23Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 24Nyana woluntu! abemi bezondawo zicitakeleyo ezisemhlabeni wakwa‐Sirayeli batsho besiti: u‐Abrahame wabemnye, waza walifuya ilizwe; kanti tina sibaninzi, ilizwe linikiwe kuti libe yimfuyo. 25Ngako oko yiti kubo:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Inyama inegazi niyayidla, namehlo enu niyawapakamisela kwizitixwana zenu, negazi niyalipalaza; seniya kufuya ilizwe na? 26Nimi pezu kweṙele lenu, niyenza into ebuntshontsho, nabanye ngabanye umfazi wommelwane wabo niyamnco̔lisa; seniya kufuya ilizwe na? 27Yitsho kubo, ukuti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndihleli nje mna, abo basezindaweni ezicitakeleyo bowa ngeṙele, nalowo osezindleni ndiya kumnika kumaṙamncwa adliwe, nabo basezinqatyeni nasemiqolombeni baya kufa ngesifo esibubisayo. 28Ndandiya kulenza ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo, liti ir̔atshi lamandla alo lipele; kanjako intaba zakwa‐Sirayeli zoba bugxwayiba, kuze kungabiko ocanda kuzo. 29Baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakulenza ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo, ngenxa yazo zonke izinto ezibuntshontsho zabo, abazenzileyo.
30Nawe, nyana woluntu! usapo lwabantu bako luyancokola ngawe ngasezindongeni naseminyangweni yezindlu; omnye uyateta kwomnye, umntu kummelwane wake, esiti: Manize ke, nive liyinina ilizwi elivela kuyehova. 31Bandule beze kuwe njengokuza kwabantu, bahlale pantsi ebusweni bako njengabantu bam, beve amazwi ako, kodwa abawenzi; ngokuba bona ngomlomo wabo besenza njengabatandayo kakulu, kanti intliziyo yabo iyahamba emva kwenzuzo yabo ekohlakeleyo. 32Nawe, bona ke, unjengengoma yabatandi kubo, olizwi limnandi, nolungisa ukubeta isiculiso; ngokuba besiva amazwi ako, kodwa abawenzi. 33Ekufikeni kwoku, (nanku kusiza,) baya kwandula bakwazi okokuba umprofite ebepakati kwabo.