1KWAYE kute ngomnyaka weshumi linesibini, ngeyeshumi linesibini inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti: 2Nyana woluntu! tabata isililo pezu kwo‐Faro ukumkani we‐Jipete, uti kuye:
Uyafana nengonyamana yezizwe, unjengengwenya ezilwandleni, wabutyoboza emilanjeni yako, wawenza budaka amanzi ngenyawo zako, waxovula imilambo yazo. 3Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngako ndiya kwaneka pezu kwako utambo lwam entlanganisweni yabantu abaninzi, abaya kukunyusa ngomnata wam. 4Ndiya kwandula ndikulahlele emhlabeni, pezu kwobuso bezindle ndokuwisa pantsi; ndandiya kulalisa pezu kwako zonke intaka zezulu, ndizihlutise ngawe izilo zomhlaba wonke. 5Ndiya kubeka inyama yako pezu kwentaba, ndizalise imihlambo ngobuhandiba bako. 6Nelizwe lokukukula kwako ndolinyela ngegazi lako kude kube sezintabeni; yoti imijelo izaliswe ngawe. 7Kanjako ndiya kugubungela izulu ekucinyweni kwako, nenkwenkwezi zalo ndozenza mnyama; ilanga ndoligubungela ngelifu, nenyanga ayiyi kukanyisa ukukanya kwayo. 8Zonke izikanyiso ezikanyayo ezulwini ndiya kuzenza mnyama pezu kwako, ndinike ubumnyama pezu kwelizwe lako, itsho inkosi e nguyehova. 9Ndandiya kukataza intliziyo yabantu abaninzi ndakuzisa imbujiswa yako pakati kwezizwe, emazweni ongawazanga. 10Ewe, ndiya kubenza abantu abaninzi bakutele nqa, bati okumkani babo bahlatyuzele kakulu ngenxa yako, ndakuvivinya iṙele lam ebusweni babo; babeya kututumela amaxanyana onke, abanye ngabanye ngenxa yobomi babo, emhleni wokuwa kwako. 11Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Iṙele lokumkani we‐Babilone liya kuza pezu kwako. 12Ngamaṙele amagoṙa ndosiwisa isihlwele sako, engabazidlwengu zezizwe onke; aya kucita ir̔atshi le‐Jipete, naso sonke isihlwele sayo siya kutshatyalaliswa. 13Ndandiya kububisa zonke izilo zayo ngasemanzini amakulu; unyawo lwomntu aluyi kubuya luwenze budaka, kanjalo impupu zezilo aziyi kuwenza budaka. 14Oko ndiya kudambisa amanzi abo, nemilambo yabo ndiya kuyelisa njengeoli, itsho inkosi e nguyehova. 15Nxa ndiya kulenza ilizwe le‐Jipete libe yingcitakalo, liti ilizwe licitakaliswe ukuzala kwalo, nxa ndiya kubeta bonke abemiyo kulo, baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova. 16Sisililo esi abaya kulila ngaso; intombi zezizwe ziya kulila ngaso; pezu kwe‐Jipete, napezu kwaso sonke isihlwele sayo, ziya kulila ngaso, itsho inkosi e nguyehova.
17Kwaye kute kanjalo ngomnyaka weshumi linesibini, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
18Nyana woluntu! yenza isikalo pezu kwesihlwele sase‐Jipete, usihlisele, (yona nentombi zezizwe ezidumileyo,) emazantsi omhlaba, kunye nabo behlela esihogweni. 19Udlula banina ngobuhle? Yihla, ulale ndawonye nabangalukileyo. 20Pakati kwabahlatyiweyo ngeṙele baya kuwa; inikelwe eṙeleni; yir̔oleni yona nazo zonke izihlwele zayo. 21Amaṙoti amandla makulu aya kuteta kuye, pakati kwayo ihadesi, kunye nabancedi bake; behlile, balele pantsi, abangalukileyo, abahlatyiweyo ngeṙele. 22Kuko kona i‐Asiriya nawo wonke umhlambi wayo; amancw̔aba ake ayamngqonga; bonke behlatyiwe, bewile ngeṙele: 23abamancw̔aba abekwe emacaleni esihogo; waye umhlambi wayo ulingqonga incw̔aba layo; bonke behlatyiwe, bewile ngeṙele, abasenza isoyikeko sibe selizweni labahleliyo. 24Kuko kona i‐Helami naso sonke isihlwele sayo silingqonga incw̔aba layo, bonke behlatyiwe, bewile ngeṙele, abehlele bengalukanga emazantsi omhlaba, abasenza isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo; kodwa balitwele ihlazo labo kunye nabo behlela esihogweni. 25Pakati kwabahlatyiweyo bayibekele umandlalo ndawonye naso sonke isihlwele sayo; amancw̔aba ayo ayamngqonga; bonke bengabangalukileyo, abahlatyiweyo ngeṙele; nakuba kube kusenzwa isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo, balitwele noko ihlazo labo kunye nabo behlela esihogweni: pakati kwabahlatyiweyo ubekiwe. 26Kuko kona i‐Mesheki, i‐Tubali, naso sonke isihlwele sayo; amancw̔aba ayo ayamngqonga; bonke bengabangalukileyo, abahlatyiweyo ngeṙele, nakuba bebesenza isoyikeko sabo sibe selizweni labahleliyo. 27Baye bengayi kulala na ndawonye namaṙoti awileyo pakati kwabangalukileyo, lawo ahleleyo ehadesi enezixo̔bo zokulwa zawo, namaṙele awo bawabekile ngapantsi kwentloko zawo? abankohlakalo zipezu kwamatambo abo, nakuba bebesisoyikeko kumaṙoti elizweni labahleliyo. 28Nawe uya kwapulwa pakati kwabangalukileyo, ulale ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele. 29Kuko kona i‐Edome, okumkani bayo, nazo zonke inkosana zayo, abati ebuṙotini babo babekwe nabahlatyiweyo ngeṙele; bona baya kulala ndawonye nabangalukileyo, nandawonye nabo behlela esihogweni. 30Kuko kona inkosi zasenode, zona zonke, nawo onke ama‐Tsidone, abahlileyo nabahlatyiweyo, bedanele ubuṙoti babo pakati kwesoyikeko sabo; balele bengalukanga ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele, nehlazo labo balitwele kunye nabo behlela esihogweni. 31U‐Faro wobabona, atutuzelwe pezu kwaso sonke isihlwele sake, abahlatyiweyo ngeṙele, u‐Faro nayo yonke impi yake, itsho inkosi e nguyehova. 32Ngokuba ndisenzile isoyikeko sam sibe selizweni labahleliyo: waeya kulaliswa pakati kwabangalukileyo ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele, u‐Faro naso sonke isihlwele sake, itsho inkosi e nguyehova.