1Kwaye kute ngomnyaka wesitoba wobukumkani bake, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, yena nayo yonke impi yake, ngakuyo i‐Yerusaleme, wayiṙaula; baza baka inqaba zokulinda ngakuyo ngento engqongayo. 2Saye isixeko sisekuvingcelekeni kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani u‐Zedikiya. 3Ngowesitoba umhla wenyanga yesine, isuke indlala yaba namandla esixekweni, kwada akwabiko isonka ebantwini belizwe. 4Sandula isixeko sagqojozelwa, ati onke amadoda okulwa esaba ngobusuku ngendlela yesango pakati kwendonga zimbini, elingasemyezweni wokumkani; ngokuba ama‐Kaledine ebengakuso isixeko ngokungqonga: wati ukumkani wahamba ngendlela yetafa. 5Kodwa impi yama‐Kaledine yamputuma ukumkani, yamfumana ematafeni ase‐Jeriko, nayo yonke impi yake icitiwe kuye. 6Baza bambamba ukumkani, bamnyusela kuye ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, bateta umgwebo pezu kwake. 7Baza babulala onyana baka‐Zedekiya pambi kwamehlo ake; bandula bamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, bamnxiba ngamakamandela obedu, bamsa e‐Babilone.
8Nangenyanga yesihlanu, ngowesixe̔nxe umhla wenyanga, yalomnyaka obungoweshumi linesitoba umnyaka wokumkani u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, weza u‐Nebuzaradane, inkosi yomlisela, isicaka sokumkani we‐Babilone, e‐Yerusaleme, 9watshisa indlu kayehova, nendlu yokumkani; nazo zonke izindlu zase‐Yerusaleme, kwa zonke izindlu zabakulu, wazitshisa ngomlilo. 10Nendonga ze‐Yerusaleme ezingqongayo, yonke impi yama‐Kaledine, ebinayo inkosi yomlisela, yazicita. 11Nesisalela sabantu ababesele esixekweni, nabapongomi ababepongomele kuye ukumkani we‐Babilone, nesisalela sesihlwele, wabafudusa u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela. 12Kodwa amahlwempu elizwe wawasalisa inxenye u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, abe ngabalimi bemiti yeveyine, nabaku̔beli.
13Kanjako intsika zexina ezibe zikuyo indlu kayehova, nezikondo, nolwandle lwexina olube lukuyo indlu kayehova, ama‐Kaledine aziqekeza, nexina yazo ayitutela e‐Babilone. 14Nembiza, nezikotululo, nezicimo, negxebeka, nazo zonke impahla zexina ekube kukonzwa ngazo, azisusa. 15Nezipatamlilo, nezitya zokufefela, igolide yezo zegolide, nesilivere yezo zesilivere, yazisusa inkosi yomlisela. 16Intsika zombini, ulwandle lunye, nezikondo, abete u‐Solomone wazenzela indlu kayehova, ibingenakulinganiswa ixina yazo zonke ezimpahla. 17Ubupakamo benye intsika bebuzikubite ezilishumi linesibozo; nentloko pezu kwayo, yona ibiyixina; nobupakamo bentloko leyo, ibizikubite ezintatu, inesetyenzwa elipanjanisiweyo, negranate pezu kwentloko ngokungqonga, zonke ziyixina: kanjalo eyesibini intsika ibinezinjengazo ezi, kunye nesetyenzwa elipanjanisiweyo.
18Yandula inkosi yomlisela yatabata u‐Seraya umperisite omkulu, no‐Tsefaniya umperisite wesibini, nabagcini bomnyango bobatatu: 19nakuso isixeko yatabata umbusi, lowo obeligosa pezu kwamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabo babebona ubuso bokumkani, abefunyanwa esixekweni; nomba̔li wenkosi yomkosi, owahlanganisa abantu belizwe emfazweni; namadoda angamashumi matandatu kubo abantu belizwe, abefunyanwa esixekweni: 20aba wabatabata u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, wabazisa kuye ukumkani we‐Babilone e‐Ribela: 21waza ukumkani we‐Babilone wababeta, wababulala e‐Ribela elizweni le‐Hamati. Kwa njalo o‐Juda bafuduswa emhlabeni wabo.
22KEKALOKU abantu ababesele elizweni lakwa‐Juda, abo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ebebasalisile, wamongamisa pezu kwabo u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane. 23Zati zakuva zonke inkosi zezimpi, zona namadoda azo, ukuba ukumkani we‐Babilone wenzile u‐Gedaliya umongama, zandula zeza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa: kwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Seraya unyana ka‐Tanehumete, um‐Netofati, no‐Yazaniya unyana wom‐Mahaka, bona namadoda abo. 24Waza u‐Gedaliya wafunga kubo, nakumadoda abo, wati kubo: Ningoyiki ukuba ngabakonzi bama‐Kaledine; hlalani elizweni, nimkonze ukumkani we‐Babilone, kwakuya kulunga kuni. 25Kodwa bekute ngenyanga yesixe̔nxe, kweza u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Elishama, owenzalo yobukumkani, namadoda alishumi enaye; baza bambeta u‐Gedaliya, ukuba wafa, kwa nama‐Juda nama‐Kaledine abeko naye e‐Mitsipa. 26Bandula besuka bonke abantu, kwa nabancinane nabakulu, nenkosi zezimpi, baya e‐Jipete; ngokuba bebesoyika ngenxa yama‐Kaledine.
27KWAYE kute ngowamashumi matatu anesixe̔nxe umnyaka wokutinjwa kwake u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngowamashumi mabini anesixe̔nxe umhla wenyanga, wati u‐Evili‐merodaki ukumkani we‐Babilone, ngomnyaka wokuba ngukumkani kwake, wapakamisa intloko ka‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, wamkupa entolongweni, 28wateta naye ngobuhlobo, wamisa isihlalo sake ngapezu kwesihlalo sokumkani ababenaye e‐Babilone. 29Waza waguqula izivato zake zentolongo, wamana ukutya isonka ebusweni bake yonke imihla yokudla kwake ubomi. 30Nesabelwa sake sokutya, kwanikwa kuye isabelwa sokutya esifuti sivela kukumkani, into yemini ngemini yayo, yonke imihla yokudla kwake ubomi.