1Emihleni yake kwenyuka u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, waza u‐Yoyakime waba ngumkonzi kuye iminyaka yamitatu: wandula wajika, wavukela ngakuye. 2Waza uyehova watuma ngakuye amabandla ama‐Kaledine, namabandla ama‐Siriya, namabandla ama‐Mowabi, namabandla osapo luka‐Hamoni, wawatuma ngakubo o‐Juda ukubatshabalalisa, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngezicaka zake abaprofite. 3Ngenyaniso bekungomteto kayehova kwehlayo lento pezu kwo‐Juda, ukuba abakwelelise ebusweni bake, ngenxa yezono zika‐Manase, njenjako konke abekwenzile; 4nangenxa yegazi elingenatyala owabelipalazile: ngokuba ebezalisile i‐Yerusaleme ngegazi elingenatyala: ngako ebengavumi uyehova ukuxolela.
5Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yoyakime, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 6Wada walala u‐Yoyakime noyise bake; waza u‐Yoyakine unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
7Waye ukumkani we‐Jipete engasapindi ukupuma elizweni lake; ngokuba ukumkani we‐Babilone ebetabatile ilizwe, kwa kuwo umlambo wase‐Jipete kude kwakuwo umlambo wom‐Ferate, lonke elibe lilelokumkani we‐Jipete.
8EBEYIMINYAKA ilishumi elinesibozo u‐Yoyakine ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Nehusheta, intombi ka‐Elinatane, owase‐Yerusaleme. 9Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile uyise.
10Ngeloxesha kwenyuka izicaka zika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ngakuyo i‐Yerusaleme; saza isixeko sangena ekuvingcelekeni. 11Weza no‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ngakuso isixeko, nxa izicaka zake bezisivingcela. 12Wada u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda wapumela kuye ukumkani we‐Babilone, yena, nonina, nezicaka zake, nenkosana zake, nababusi bake: waye ukumkani we‐Babilone wambamba ngomnyaka wesibozo wobukumkani bake. 13Wandula wazipumisa kona zonke indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani, wazihlahla zonke impahla zegolide ezibe zenziwe ngu‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli etempileni kayehova, njengokuba uyehova ebetshilo. 14Waza wafudusa yonke i‐Yerusaleme, nazo zonke inkosana, nawo onke amagoṙa abuṙoti, ishumi lamawaka amatinjwa, nazo zonke incibi nabakandi; akwasala mntu, ngapandle kwawo amahlwempu abantu belizwe.
15Kwa njalo wamfudusela u‐Yoyakine e‐Babilone; nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bake, nabakulu belizwe, wabemkisa e‐Yerusaleme ukuya ekutinjweni e‐Babilone: 16nawo onke amadoda obuṙoti, amawaka asixe̔nxe, nencibi nabakandi, iwaka linye, bonke abangamagoṙa eqelene nokulwa, kwa naba wabazisa ukumkani we‐Babilone ekutinjweni e‐Babilone: 17waza ukumkani we‐Babilone wamenza u‐Mataniya, uyisekazi wake, ukumkani esikundleni sake, waguqula igama lake libe ngu‐Zedekiya.
18EBEYIMINYAKA imashumi mabini anamnye u‐Zedekiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena. 19Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Yoyakime. 20Ngokuba ngayo ingqumbo kayehova kweza oku pezu kwe‐Yerusaleme napezu kwo‐Juda, wada wabalahla ebusweni bake, ukuba u‐Zedekiya wavukela ngakuye ukumkani we‐Babilone.