1NGOMNYAKA wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Jerobome ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Hazariya unyana ka‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda. 2Ebeyiminyaka ilishumi linesitandatu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mahlanu anamibini. Igama lonina belingu‐Yekoliya, owase‐Yerusaleme. 3Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Amatsiya uyise. 4Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
5Wati uyehova wambeta ukumkani, ukuba waba lileperi kwada kwayimini yokufa kwake, wahlala endlwini eyahlukileyo. Waye u‐Yotame unyana wokumkani ebepezu kwendlu, egweba abantu belizwe.
6Nesisalela semicimbi ka‐Hazariya, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 7Wada u‐Hazariya walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Yotame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
8NGOMNYAKA wamashumi matatu anesibozo ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani u‐Zekariya unyana ka‐Jerobome pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya inyanga zantandatu. 9Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba bebenje njalo oyise bake; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone. 10Waza u‐Shalume unyana ka‐Yabeshe waceba ngakuye, wambeta pambi kwabantu, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake.
11Nesisalela semicimbi ka‐Zekariya, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli. 12Eli libe lilizwi likayehova owabelitetile ku‐Jehu, lisiti: Onyana bako besesine isizukulwana baya kuhlala pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. Kwaye kuba njalo ke.
13U‐Shalume unyana ka‐Yabeshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi matatu anesitoba ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda; wayepata ubukumkani inyanga ipela e‐Samariya. 14Waza u‐Menaheme unyana ka‐Gadi wenyuka e‐Tiretsa, weza e‐Samariya, wambeta u‐Shalume unyana ka‐Yabeshe e‐Samariya, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake.
15Nesisalela semicimbi ka‐Shalume, nokuceba kwake owaceba ngako, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
16Oko u‐Menaheme wayibeta i‐Tipesahi, nabo bonke abakuyo, nemida yayo, esuka e‐Tiretsa; ngokokuba bekungamvulelwanga, kukona wayibetayo; bonke abamitiyo bayo wabaqangqulula.
17Ngomnyaka wamashumi matatu anesitoba ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Menaheme unyana ka‐Gadi pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi e‐Samariya. 18Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, yonke imihla yake. 19Kwandula kweza u‐Pule ukumkani we‐Asiriya ngakulo ilizwe; waza u‐Menaheme wamnika u‐Pule iwaka letalente zesilivere, ukuze isandla sake sibe naye ukuqinisa ubukumkani esandleni sake. 20Nemali leyo wayibiza u‐Menaheme ko‐Sirayeli, kubo bonke abakulu ngobutyebi, ize inikwe kuye ukumkani we‐Asiriya, ishekele zesilivere ezingamashumi mahlanu kubo bonke ngabanye. Waza wabuya ukumkani we‐Asiriya, engahlali kona elizweni apo.
21Nesisalela semicimbi ka‐Menaheme, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 22Wada walala u‐Menaheme noyise bake; waza u‐Pekahiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
23Ngomnyaka wamashumi mahlanu ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Pekahiya unyana ka‐Menaheme pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamibini. 24Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone. 25Koko u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, injengele yake, waceba ngakuye, wambeta e‐Samariya, enqatyeni yendlu yokumkani, kunye no‐Ragobi no‐Ariye, namadoda amashumi mahlanu elusatsheni lwama‐Gileyadi ndawonye naye: wambulala ke, waba ngukumkani esikundleni sake.
26Nesisalela semicimbi ka‐Pekahiya, nako konke abekwenza, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
27Ngomnyaka wamashumi mahlanu anesibini ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini. 28Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone. 29Emihleni ka‐Pekahi ukumkani wo‐Sirayeli, weza u‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, wabamba i‐Hiyone, ne‐Abele‐bete‐mahaka, ne‐Yanoha, ne‐Kedeshe, ne‐Hatsore, ne‐Gileyadi, ne‐Galili, lonke ilizwe lakwa‐Nefatali, nabantu wabafudusela e‐Asiriya. 30Waza u‐Hosheha unyana ka‐Ela wenza ingcebiswano ngakuye u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, wambeta, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wamashumi mabini ka‐Yotame unyana ka‐Huziya.
31Nesisalela semicimbi ka‐Pekahi, nako konke abekwenza, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
32NGOMNYAKA wesibini ka‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Yotame unyana ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda. 33Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yerusha, intombi ka‐Tsadoki. 34Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova; njengako konke abekwenzile u‐Huziya uyise, wenje njalo. 35Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo. Yena walaka isango lasentla lendlu kayehova.
36Nesisalela semicimbi ka‐Yotame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 37Ngaleyomihla waqala uyehova ukutuma ngakwo‐Juda, u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya. 38Wada walala u‐Yotame noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Ahazi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.