1Ngomnyaka weshumi linesixe̔nxe ka‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, waba ngukumkani u‐Ahazi unyana ka‐Yotame ukumkani wo‐Juda. 2Ebeyiminyaka imashumi mabini u‐Ahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme; waye engenzi okufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wake, njengaye u‐Davide uyise. 3Ngokuba ebehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli; ewe, nonyana wake wamdlulisa emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli. 4Wabinga waqumisa ezindaweni ezipakamileyo, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
5Oko wenyuka u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, ukuya e‐Yerusaleme, kuze kuliwe: baza bamvingcela u‐Ahazi, kodwa bakohlwa kukwoyisa. 6Ngeloxesha u‐Retsine ukumkani we‐Siriya wabuyisela i‐Elate kuma‐Siriya, wawagxota ama‐Juda e‐Elate; andula ama‐Siriya eza e‐Elate, ahlala kona kude kwanamhla nje. 7Waza u‐Ahazi watuma izigidimi ukuya ku‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mna ndingumkonzi wako nonyana wako; nyuka, uze undisindise esandleni sokumkani we‐Siriya, nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, abasukelayo ngakum. 8Kanjako watabata u‐Ahazi isilivere negolide ebifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani, watumela ukumkani we‐Asiriya ibaso. 9Waza ukumkani we‐Asiriya wapulapula kuye: wenyuka ke ukumkani we‐Asiriya ngakuyo i‐Damakusi, wayibamba, nabantu wabafudusela e‐Kire, no‐Retsine wambulala.
10Wasuka ukumkani u‐Ahazi waya ukumkaulela u‐Tiligate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya e‐Damakusi, wabona isibingelo esibe sise‐Damakusi; wandul’ ukutuma ukumkani u‐Ahazi ku‐Huriya umperisite isimilo sesibingelo eso, nomfanekiselo waso, njengalo lonke isetyenzwa laso. 11Waza u‐Huriya umperisite waka isibingelo, njengako konke abekususile ukumkani u‐Ahazi e‐Damakusi: wenje njalo u‐Huriya umperisite, engekaveli ukumkani u‐Ahazi e‐Damakusi. 12Wati akuvela ukumkani e‐Damakusi, wandula ukumkani wasibona isibingelo; waza ukumkani wasondela kuso isibingelo, wanikela pezu kwaso. 13Watshisa idini lokutshiswa lake, nomnikelo wokudla wake, watulula umnikelo wokusela wake, wasasaza igazi leminikelo yoxolo yake, pezu kwesibingelo eso. 14Nesibingelo sexina, esibe sipambi kwoyehova, wasikwelelisa kuwo umpambili wendlu, kwa pakati kwesibingelo nendlu kayehova, wasibeka ngasecaleni lesibingelo ngasenode. 15Wandula ukumkani u‐Ahazi wamyalela u‐Huriya umperisite, ngokuti: Pezu kwesibingelo esikulu tshisa idini lokutshiswa lokusa, nomnikelo wokudla wokuhlwa, nedini lokutshiswa lokumkani, nomnikelo wokudla wake, nedini lokutshiswa labo bonke abantu belizwe, nomnikelo wokudla wabo, neminikelo yokusela yabo; nalo lonke igazi ledini lokutshiswa, nalo lonke igazi lombingo, lisasaze pezu kwaso: nesibingelo sexina ndiya kuzindla ngaso. 16Waza u‐Huriya umperisite wenza ngako konke abemyalele kona ukumkani u‐Ahazi. 17Kanjako ukumkani u‐Ahazi wazinqumla indini zezikondo, wasisusa isihlambelo kwa pezu kwazo; nolwandle walutula ezinkabini zexina ezibe zipantsi kwalo, walubeka pezu kwesicwangciswa samatye. 18Nentendelezo efulelweyo yesabata, abebeyakile ngasendlwini, nendawo yokungena yokumkani engapandle, wazishenxisa kuyo indlu kayehova ngenxa yokumkani we‐Asiriya.
19Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Ahazi, oko wakwenzayo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? 20Wada walala u‐Ahazi noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Hezekiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.