1Waza wati u‐Solomone: Uyehova ute uya kuhlala esitokotokweni. 2Mna kodwa ndikwakele indlu yokuhlala, kwa indawo yokuhlala kwako kude kube ngunapakade.
3Wandula ukumkani waguqula ubuso bake, watamsanqelisa yonke intlanganiso yo‐Sirayeli; (yati yonke intlanganiso yo‐Sirayeli yema;) 4wayesiti: Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, owateta ngomlomo wake ku‐Davide ubawo, waza wazalisekisa ngezandla zake, esiti: 5Kuselokwalomhla endapumisayo abantu bam elizweni le‐Jipete, andinyulanga nasinye isixeko kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba kwakiwe indlu, lize igama lam libe kona; kanjako andinyulanga nanye indoda ibe yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: 6koko ndinyulile i‐Yerusaleme, ukuba igama lam libe kona; no‐Davide ndimnyulile ukuba abe pezu kwabantu bam o‐Sirayeli. 7Kwaye kusentliziyweni ka‐Davide ubawo, ukwakela igama likayehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu. 8Kodwa uyehova wati ku‐Davide ubawo: Okokuba bekusentliziyweni yako ukwakela igama lam indlu, ulungisile ukuba bekusentliziyweni yako. 9Noko indlu leyo akuyi kuyaka wena; kodwa unyana wako oya kupuma esinqeni sako, nguye oya kuyakela igama lam indlu leyo. 10Kwa njalo uyehova uqinisile ilizwi lake abelitetile; ngokuba ndivukile esikundleni sika‐Davide ubawo, ndihleli nje pezu kweterone yakwa‐Sirayeli, njengokuba etetile uyehova; ndandakele igama likayehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu. 11Kanjalo ndibekile kona ityeya, apo lukona ucebano lukayehova, olo walwenzayo nosapo luka‐Sirayeli.
12Waza wema pambi kwesibingelo sikayehova, ebusweni bayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, wazolula izandla zake: 13ngokuba u‐Solomone ebesenzile isitulo sexina, wasibeka pakati kwebala, sizikubite zintlanu ubude baso, nekubite zintlanu ububanzi baso, nekubite zintatu ubupakamo baso: wema ke pezu kwaso, waguqa ngamadolo ake ebusweni bayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, wazolula izandla zake ngasezulwini, 14wati:
Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! akuko tixo njengawe, nasezulwini nasemhlabeni, ogcinela izicaka zako, ezihambayo pambi kwako ngayo yonke intliziyo yazo, ucebano nobubele: 15ogcinele isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko wakuteta kuye: ngokuba utetile ngomlomo wako, nangesandla sako uzalisekisile, njengokuba kunjalo namhla nje. 16Ngako kaloku, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! gcinela isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko ukutetileyo kuye, usiti: Akuyi kukunqamkela indoda ebusweni bam, ihleli pezu kweterone yakwa‐Sirayeli; kupela ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, bahambe ngawo umteto wam, njengokuba wena uhambile pambi kwam. 17Nakaloku, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! malinyaniswe ke ilizwi lako, elo ulitetileyo kwisicaka sako, ku‐Davide.
18Kodwa utixo uya kuhlala nabantu emhlabeni ngenyaniso na? bona ke, izulu, nezulu lamazulu, alingekubambe; kancinane kangakananina ngakumbi ke lendlu endiyakileyo! 19Uze ubeke noko kuwo umtandazo wesicaka sako, nakuso isitaṙuziso saso, Yehova, Tixo wam! upulapule isikalo nomtandazo sitandaza ngawo isicaka sako ebusweni bako: 20ukuba amehlo ako abe evulekile pezu kwalendlu emini nasebusuku, pezu kwendawo ute ngayo uya kubeka igama lako kona: ukuba upulapule umtandazo siya kutandaza ngawo isicaka sako kulendawo. 21Uze upulapule izitaṙuziso zesicaka sako, nezabantu bako o‐Sirayeli, oko baya kutandaza kulendawo; uve wena endaweni yokuhlala kwako, ezulwini, uti wakuva uxolele.
22Okuya kwonayo umntu ngakuye ummelwane wake, aze abeke pezu kwake isifungo sokumfungisa, siti isifungo size pambi kwesibingelo sako kulendlu; 23wandule wena uve ezulwini, wenze, ulungise izicaka zako, upindezele kokohlakeleyo, ngokunika indlela yake pezu kwentloko yake, umgwebele olungileyo, ngokumnika njengobulungisa bake.
24Naxeshekweni abantu bako o‐Sirayeli babetwa pambi kwotshaba, ngokuba bonile ngakuwe; baze babuye, badumise igama lako, batandaze, bataṙuzise ebusweni bako kulendlu; 25wandule wena uve ezulwini, uxolele isono sabantu bako o‐Sirayeli, ubabuyisele emhlabeni owabuwunika kubo nakoyise babo.
26Xeshekweni livingcekile izulu, kungeko imvula, ngokuba bonile ngakuwe; ukuba bayatandaza kulendawo, badumise igama lako, baguquke esonweni sabo, oko ubabandezelayo; 27wandule wena uve ezulwini, uxolele isono sezicaka zako, nesabantu bako o‐Sirayeli, oko ubafundisayo indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo: uze unise imvula pezu kwelizwe lako, elo ulinikileyo ebantwini bako libe lilifa.
28Nxa kubako indlala elizweni, nxa kubako isifo esibubisayo, nxa kubako imbabala, nesihumba, inkumbi, noṙuxeshe; nxa intshaba zabo zibavingcela elizweni lezixeko zabo; nxa kubako isibulawa esinjanina, nesifo esinjanina; 29konke ukutandaza, konke ukutaṙuzisa, okuya kwenziwa ngumntu otile, umhlaumbi ngabo bonke abantu bako o‐Sirayeli, oko baya kwazi abanye ngabanye isibulawa sabo, nobuhlungu babo, bazolule izandla zabo kulendlu; 30wandule wena uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, uxolele, ubanike abanye ngabanye njengazo zonke indlela zabo, abantliziyo uzaziyo; (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo intliziyo zonyana babantu;) 31ukuze bakwoyike, bahambe ngendlela zako, yonke imihla abaya kubudla ubomi ngayo pezu kwobuso bomhlaba, owabuwunika kobawo betu.
32Nakanjako ngaye owolunye uhlanga, ongenguye owabantu bako o‐Sirayeli, kodwa uvele ezweni elikude ngenxa yegama lako elikulu, nesandla sako esomeleleyo, nengalo yako eyolulweyo; nxa baya kuza, batandaze kulendlu; 33wandule wena uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, wenze ngako konke aya kubiza kuwe ngako owolunye uhlanga lowo; ukuze bonke abantu bomhlaba balazi igama lako, boyike wena, njengabantu bako o‐Sirayeli; bazi kanjalo ukuba igama lako libiziwe pezu kwendlu le endiyakileyo.
34Nxa abantu bako bapumayo ukuya kulwa ngakuzo intshaba zabo, ngendlela uya kubatuma ngayo, baze batandaze kuwe, ngakuso esisixeko usinyulileyo, nangakuyo lendlu endiyakileyo ngenxa yegama lako; 35wandule uve ezulwini ukutandaza kwabo nokutaṙuzisa kwabo, ulenze ibango labo.
36Nxa bonayo ngakuwe, (ngokuba kungeko umntu ongoniyo,) uti wena ubaqumbele, ubanikele ebusweni botshaba, bade abatimbi babo babatimbele elizweni elikude umhlaumbi elikufupi; 37ukuba bayakumbuza intliziyo zabo elizweni apo batinjelwe kona, baguquke, bakutaṙuzise elizweni lokutinjelwa kwabo, besiti: Sonile, senzile ngobugwenxa, senza okukohlakeleyo; 38bade babuyele kuwe ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo, elizweni lokutinjelwa kwabo, apo batinjelwe kona, batandaze ngakulo ilizwe labo, elo wabulinika koyise babo, nangakuso esisixeko usinyulileyo, nangakuyo lendlu endiyakileyo ngenxa yegama lako: 39wandule uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, ukutandaza kwabo nokutaṙuzisa kwabo, ulenze ibango labo, ubaxolele abantu bako abonileyo ngakuwe.
40Kaloku, Tixo wam! makati amehlo ako avuleke, nendlebe zako zipulapuleke, kuwo umtandazo walendawo. 41Nakaloku pakama, Yehova, Tixo! uze ekupumleni kwako, wena netyeya yamandla ako: abaperisite bako, Yehova, Tixo! mabambate usindiso, nabangcwele bako mabavuye kokulungileyo. 42Yehova, Tixo! zungasongi ubuso bomtanjiswa wako: kumbula izibele zika‐Davide isicaka sako.