1Kekaloku nxa agqibileyo u‐Solomone ukutandaza, kwandula kwehla umlilo ezulwini, wadla idini lokutshiswa nemibingo; bati ubungcwalisa bukayehova bayizalisa indlu. 2Baza bakohlwa abaperisite ukungena endlwini kayehova, ngokuba ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu kayehova. 3Lwati lwakubona lwonke usapo luka‐Sirayeli ukuhla kwomlilo, nobungcwalisa bukayehova pezu kwendlu, lwatoba ngobuso ngasemhlabeni pezu kwesandlalwa samatye, lwabedesha, lwamdumisa uyehova, lusiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade.
4Kwaza kwabinga ukumkani nabo bonke abantu umbingo pambi kwoyehova. 5Waye ukumkani u‐Solomone wabinga umbingo wenkabi ezingamawaka angamashumi mabini anamabini, negusha ezingamawaka alikulu linamashumi mabini. Benje njalo ukutwasisa indlu katixo ukumkani nabo bonke abantu. 6Bati abaperisite bema ngezigcinelo zabo, naba‐Levi benezinto zokuculisa zikayehova, abezenzile u‐Davide ukumkani, ukuba kubulelwe kuyehova, ngokuba ububele bake bungunapakade, nxa u‐Davide abedumisa ngesandla sabo: baza abaperisite bahlokomisa amaxilongo pambi kwabo, bati bonke o‐Sirayeli bema. 7Kanjako u‐Solomone wawenza ngcwele umpakati webala elipambi kwayo indlu kayehova; ngokuba wabelungisa kona amadini okutshiswa, namanqata eminikelo yoxolo: ngokuba isibingelo sexina, abesenzile u‐Solomone, besingenako ukwamkela amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, namanqata lawo.
8Wayesenza u‐Solomone umtendeleko ngexesha elo imihla yasixe̔nxe, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, intlanganiso enkulu kunene, ivela kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwasemlanjeni wase‐Jipete. 9Baye besenza ngomhla wesibozo intlanganisano engcwele: ngokuba bebekwenza ukutwasiswa kwesibingelo imihla esixenxe, nomtendeleko imihla ekwa sixe̔nxe. 10Nangowamashumi mabini anesitatu umhla wenyanga yesixe̔nxe, wabandulula abantu ukuya ezintenteni zabo, bevuya, becwayitile ngentliziyo, ngenxa yokulungileyo abekwenzile uyehova ku‐Davide, naku‐Solomone, nako‐Sirayeli abantu bake.
11Wada u‐Solomone wagqiba indlu kayehova, nendlu yokumkani: nako konke okube kungenile entliziyweni ka‐Solomone, ukuba akwenze endlwini kayehova nasendlwini yake, wakufeza ngokutamsanqelekileyo.
12WANDULA uyehova wabonakala ku‐Solomone ebusuku, wati kuye: Ndivile umtandazo wako, ndandizinyulele lendawo ibe yindlu yemibingo. 13Ukuba ndiyavingca izulu, kuze kungabiko imvula, umhlaumbi ukuba ndiyayalela inkumbi zigqibe ilizwe, umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwabantu bam; 14baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo. 15Kaloku amehlo am ovuleka, nendlebe zam zopulapuleka, kuwo umtandazo walendawo. 16Ngokuba kaloku ndiyinyulile ndayenza ngcwele indlu le, ukuba igama lam libeko kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke. 17Kanjalo wena ukuba uya kuhamba pambi kwam, njengokuba ebehamba u‐Davide uyihlo wako, wenze ngako konke endikuyaleleyo, ugcine izimiselo zam nezigwebo zam; 18ndiya kwandula ndiqinise iterone yobukumkani bako, njengokuba ndenzile ucebano no‐Davide uyihlo wako, ndisiti: Akuyi kukunqamkela indoda inobukosi kwa‐Sirayeli. 19Kanti ukuba niyapambuka nina, niyishiye imimiselo yam nemiyalelo yam, endiyibekileyo pambi kwenu, nize niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo; 20ndiya kwandula ndibancotule emhlabeni wam, endiwunikileyo kubo; nalendlu, endiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze ibe yinto yokuzekeliswa nelizwi lokuhlekisa pakati kwabantu bonke. 21Nendlu le, epezulu, osukuba edlula ngakuyo woti nqa, ati: Kunganina ukuba wenzile uyehova njengokunjalo kwelilizwe nakulendlu? 22kwakuya kutiwa: Ngenxa yokuba bamshiya uyehova, utixo woyise babo, owabapumisayo elizweni le‐Jipete, nokuba babambelela kotixo bambi, batoba pambi kwabo, babakonza: kungoko azisileyo pezu kwabo bonke obububi.