1Wandula u‐Davide wemka kona, wasindela emqolombeni we‐Hadulame: bati bakuva oko abakuluwe bake nayo yonke indlu yoyise, behlela kuye apo. 2Kanjalo kwazihlanganisela kuye onke amadoda abeseluxinezelweni, nawo onke amadoda abenetyala, nawo onke amadoda ampefumlo uṙaṙa; waza waba yinkosi pezu kwawo: kwaye kuko naye anga angamakulu mane amadoda.
3Wasuka u‐Davide wemka kona waya e‐Mitsipe yase‐Mowabi; wayesiti kukumkani we‐Mowabi: Mabapume ke ubawo noma̔ babe nani, ndide ndazi into endiya kwenzelwa yona ngutixo. 4Waza wabakapela ebusweni bokumkani we‐Mowabi: baza bahlala naye yonke imihla u‐Davide abesenqatyeni. 5Koko umprofite u‐Gadi wati ku‐Davide: Ungahlali enqatyeni; hamba, uye ezweni lakwa‐Juda. Wahamba u‐Davide waya ehlatini le‐Harete.
6KEKALOKU akuva u‐Saule ukuba u‐Davide wazekile, namadoda abenaye, (waye u‐Saule ehleli e‐Gibeha pantsi kwomti wetamariske e‐Rama, enentshuntshe esandleni sake, nazo zonke izicaka zake zimi ngakuye,) 7wandula wati u‐Saule kuzo izicaka zake ezibe zimi ngakuye: Yivani ke, nina ma‐Benjamine! unyana ka‐Jese woninika nina nonke na amasimi nezitiya zemiti yeveyine? wonenza nina nonke na inkosi zamawaka nenkosi zamakulu, 8ukuba nina nonke nicebile ngakum, nokuba akuko namnye otyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam wenzile ucebano nonyana ka‐Jese, nokuba akuko namnye kuni obuhlungu ngenxa yam, notyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam uvusile isicaka sam ngakum sibe ngumlaleli, njengokuba kunjalo namhla nje?
9Wandula wapendula u‐Dowegi um‐Edome, obemisiwe pezu kwezicaka zika‐Saule, wati: Ndabona unyana ka‐Jese esiza e‐Nobe, ku‐Ahimeleki unyana ka‐Ahitube; 10owambuzela kuyehova, wamnika umpako; neṙele lika‐Goliyate um‐Filistiya walinika kuye.
11Wandula ukumkani watuma ukumbiza u‐Ahimeleki, unyana ka‐Ahitube, umperisite, nayo yonke indlu yoyise, abaperisite ababese‐Nobe; basuka beza bonke kukumkani. 12Waza u‐Saule wati: Yiva ke, nyana ka‐Ahitube! Wayesiti: Nanku ndilapa, nkosi yam! 13Waza u‐Saule wati kuye: Yinina ukuba nicebile ngakum, wena nonyana ka‐Jese, ekokubeni umnikile isonka neṙele, wambuzela kutixo, ukuze avukele ukundilalela, njengokuba kunjalo namhla nje? 14Wandula u‐Ahimeleki wampendula ukumkani, wati: Ngubanina pakati kwazo zonke izicaka zako onyanisekileyo njengo‐Davide, ongumyeni kukumkani, ongenayo ekuveni kwako, obekekileyo endlwini yako? 15Kunamhla nje na endiqalileyo ukumbuzela kutixo? makube le oko kum! makangati ukumkani abeke ityala pezu kwesicaka sake, napezu kwayo yonke indlu kabawo; ngokuba isicaka sako besingazani nako konke oku, nokuba yinto encinane, nokuba yenkulu. 16Kodwa wati ukumkani: Uya kufa ngenyaniso, Ahimeleki! wena, nayo yonke indlu kayihlo. 17Waza ukumkani wati kumlisela obumi ngakuye: Sondelani, nibulale abaperisite bakayehova; ngokuba nesandla sabo sino‐Davide, nangokuba bebesazi ukuba uyasaba yena, kanti akatyilanga oko endlebeni yam. Kodwa izicaka zokumkani bezingavumi ukwolula isandla sazo ukuba ziwele abaperisite bakayehova. 18Ngako ukumkani wati ku‐Dowegi: Sondela wena, ubawele abaperisite. Wasondela ke u‐Dowegi um‐Edome, wabawela abaperisite, wabulala ngalomini amadoda angamashumi asibozo anamahlanu abevete iyefodi yeqiya: 19ne‐Nobe, isixeko sabaperisite, wayibeta ngohlangoti lweṙele, kwa amadoda nabafazi, intsapo nentsana; nenkabi, namaqwaṙashe, negusha, wazibeta ngohlangoti lweṙele.
20Kodwa wasinda unyana wamnye ka‐Ahimeleki unyana ka‐Ahitube, ogama belingu‐Abiyatare, wesabela emva kwo‐Davide. 21Waza u‐Abiyatare, wamxelela u‐Davide ukuba u‐Saule ubabulele abaperisite bakayehova. 22Wandula u‐Davide wati ku‐Abiyatare: Bendikwazi ngalomini, oko u‐Dowegi um‐Edome abekona, ukuba uya kumxelela u‐Saule ngenyaniso: ndim ozuzisele yonke imipefumlo yendlu kayihlo ukufa. 23Hlala nam, ungoyiki; ngokuba ofuna ubomi bam efuna ubomi bako; kodwa woba sekugcinweni unam.