Eyokuqala ka‐Samyali 21
1WANDULA weza u‐Davide e‐Nobe ku‐Ahimeleki umperisite: waye u‐Ahimeleki wamkaulela u‐Davide ngokungcangcazela, wati kuye: Yinina ukuba uwedwa, ingeko indoda nawe nje? 2Waza u‐Davide wati ku‐Ahimeleki umperisite: Ukumkani undiyalele umcimbi, wati kum: Makungaziwa mntu nanye into yalomcimbi endikutumileyo ngawo, nendikuyalele wona; kanjalo amadodana ndiwanqopisele indawo etile. 3Ngako kaloku, yinto nina epantsi kwesandla sako? nikela izonka ezihlanu esandleni sam, umhlaumbi oko kusukuba kuko. 4Waza umperisite wampendula u‐Davide, wati: Akuko isonka esingengcwele pantsi kwesandla sam, kuko kodwa isonka esingcwele, ukuba amadodana azigcinile ebafazini kupela. 5Waza u‐Davide wampendula umperisite, wati kuye: Ngenyaniso abafazi babanjiwe kuti izolo nezolo elinye, nxa ndapumayo; kanjalo izitya zamadodana zingcwele; neso sesingati sisonka esingengcwele, nangokukodwa nxa siya kungcwaliswa namhla esinye esityeni. 6Waza umperisite wamnika isonka esingcwele; ngokuba bekungeko kona isonka ngapandle kwezonka zokubonakala, ezibe zisuswa pambi kwoyehova, ukuze kubekwe isonka esifudumeleyo ngomhla wokususwa kwazo. 7(Kwaye kuko kona indoda ezicakeni zika‐Saule ngalomhla, ebibanjezelwa pambi kwoyehova, egama belingu‐Dowegi, um‐Edome, inkosi yabalusi abalunge ku‐Saule.) 8Wati u‐Davide kanjako ku‐Ahimeleki: Kanene akuko apa na pantsi kwesandla sako intshuntshe umhlaumbi iṙele? ngokuba ndingatabatanga esandleni sam kwa neṙele lam nezixo̔bo zam, ngokuba umcimbi wokumkani ubunxamile. 9Waza wati umperisite: Iṙele lika‐Goliyate um‐Filistiya, obumbulala emhlanjeni wemikoba, nali lilapa, lisongiwe engutyeni emva kweyefodi: ukuba uya kuzitabatela lona, litabate; ngokuba lingeko limbi ngapandle kwalo. Wayesiti u‐Davide: Akuko elinjengelo; linike kum.
10Wesuka ke u‐Davide, wesaba ngalomhla ebusweni buka‐Saule, waya ku‐Akishe ukumkani we‐Gate. 11Zaza izicaka zika‐Akishe zati kuye: Lo asi nguye na u‐Davide, ukumkani welizwe? abavumanga ngaye na emidudweni, besiti: u‐Saule ubulele amawaka ake, kodwa u‐Davide amawaka ake alishumi? 12Waye u‐Davide wabekela lamazwi entliziyweni yake, woyika kakulu ngenxa ka‐Akishe ukumkani we‐Gate. 13Ngako wayenza yimbi ingqondo yake emehlweni abo, wazenzisa igeza ezandleni zabo, waṙwela pezu kwengcango zesango, wahlisela amate ake eludevini lwake. 14Waza u‐Akishe wati kuzo izicaka zake: Kangelani, niyabona lendoda ukuba iyageza: yinina ukuba niyizisile kum? 15ndinokuswela abagezayo na, ukuba nimzisile lo ageze pambi kwam? uya kuza lo endlwini yam yinina?
Bible Society of South Africa 1902