1ABADALA abapakati kwenu ndiyabayala, ondinguye umdali kunye nabo, nenqi̔na lentlungu zika‐Kristu, nonobudlelana nabo ubungcwalisa obuza kutyilwa kanjalo. 2Yalusani umhlambi katixo opakati kwenu, niwunonelele, kungabi ngokunyanzelwa, kube ngokuvuma; kungabi ke ngenxa yenzuzo embi, kube ngonxamelo lwentliziyo; 3kungabi ke njengokuba nizipata ngobukosi izahlulo zelifa lika‐Tixo, kube njengokuba niyimizekelo kumhlambi. 4Noza niti, akubonakaliswa umalusi omkulu, namkele isitsaba sobungcwalisa esingashwabaniyo.
5Ngokunjalo, nina batsha! lulamelani kubo abadala. Ewe nonke lulamelani omnye kwomnye, nambate ukutobeka kwentliziyo: ngokuba utixo emelana nabaner̔atshi, kodwa abatobekileyo uyabapa ufefe. 6Zitobeni ngoko ngapantsi kwaso isandla esinamandla sikatixo, ukuze anipakamise ngexesha elifanelekileyo; 7sonke isitukutezi senu nisilahlele kuye nje, kuba enikatalela.
8Qabukani, nilinde; kuba u‐Satane utshaba lwenu, njengayo ingonyama ekonyayo, ehambahamba, efuna lowo angamginyayo: 9oyena nimale nite nqi elukolweni, nisazi nje ukuba intlungu ezikwa zizo ziyafezwa kubo ubuzalwana benu obuselizweni.
10Kekaloku utixo wofefe lwonke, owasibizelayo ebungcwaliseni bake obungunapakade ku‐Kristu Yesu, wanga angati ngokwake, nakuba nivile intlungu kancinane, anizalisekise, aniqinise, anomeleze, anisekele. 11Kwa kuye makubeko ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
12Ngaye u‐Silivane, umzalwana onyanisekileyo kuni, njengokuba nditelekelelisa, ndiba̔lile ngokufutshane, ndiyala, ndinqi̔na nokunqi̔na ukuba lulo ufefe oluyinyaniso lukatixo olu nimiyo kulo.
13Iṙemente ese‐Babilone eqashiweyo kunye nani, iyanibulisa: kwa no‐Maraki unyana wam. 14Bulisanani ngokwanga kwotando. Uxolo malube kuni nonke nikuye u‐Kristu Yesu. Amene.