Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 4
1Ngako ekubeni u‐Kristu wasivelayo tina intlungu enyameni, nani zixo̔beni ngayo inkumbulo ekwa yiyo; ngokuba ovileyo intlungu enyameni enqamkile kwisono; 2ukuze ixesha elisaseleyo lokuhlala enyameni angabi sapila ngenkanuko zabantu, koko apile ngentando katixo. 3Ngokuba lisanele ixesha eligqitileyo lobomi betu lokuba safeza inkanuko zabaheyideni, nxa sibe sihamba kuzo izinto zobutshinitshini, inkanuko ezimbi, izinxalo zeveyine, imihlali yobusuku, iziselelwano, nenkonzo ezibuntshontsho zezitixo: 4abatelwa nqa oku, ukuba ningabaleki kunye nabo ukungena ekukukuleni kwobubedengu okukwa kuko, benigxeka nje: 5abaya kupendulela kulowo osel’ ehlalela ukugweba abahleliyo nabafileyo. 6Ngokuba ngenxa yoku ivangeli yashunyayelwa nakwabafileyo, ukuze bagwetywe ngokwabantu enyameni, kodwa badle ubomi ngo kwotixo emoyeni.
7Kodwa ukupela kwezinto zonke sekukufupi: yenzani ngoko ngokutelekelela, niqabuke ngasemitandazweni. 8Kodwa pezu kwento zonke yibani notando olunyamekileyo omnye ngakwomnye: kuba utando luya kugubungela isininzi sezono. 9Yenzelanani ngembuko yabasemzini, kungeko ukuṙoṙa. 10Mabati bonke ngabanye, njengokuba besamkele isipiwo, bakonzane kwa ngaso, njengamagosa alungileyo ofefe olupindapindiweyo lukatixo. 11Osukuba eteta, makatete njengamazwi katixo; osukuba ekonza, makakonze njengokwobomelelo obubatyalwayo ngutixo: ukuze ezintweni zonke adunyiswe utixo ngaye u‐Yesu Kristu, okukokwake ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
12Batandwa! ningatelwa nqa ukutsha okukoyo pakati kwenu kube kukulingwa kwenu, njengokungati into emangalisayo ibinihlela: 13niti, njengoko ninobudlelana nazo intlungu zika‐Kristu ngako, nivuye; ukuze kanjalo ekutyilweni kwobungcwalisa bake nivuye ngokugcoba kakulu. 14Ukuba niyatukelwa igama lika‐Kristu, ninetamsanqa ke; kuba u?-? moya wobungcwalisa no katixo epumla pezu kwenu: ngokwabo bona uyagxekwa, kodwa ngokwenu nina uyadunyiswa. 15Noko makungabiko mntu wakuni ovayo intlungu njengokuba engumbulali, mhlaimbi elisela, mhlaimbi engumenzi wokukohlakeleyo, mhlaimbi engozifaka emicimbini yabanye abantu. 16Kodwa ukuba kuko ovayo intlungu njengokuba engum‐Kristu, makangadani; kodwa makadumise utixo kulendawo. 17Ngokuba ixesha lifikile lokokuba ukugwetywa kuqalwe ngayo indlu katixo: kodwa ukuba kuqalwa ngati, soba yinto nina ke isipelo sabangayivayo ivangeli katixo? 18Nokuba olungileyo cebetshu uyasindiswa, yena ongabedeshiyo nomoni uya kubonakala pina? 19Ngoko ke nabo abevayo intlungu ngokwentando katixo, mababekele imipefumlo yabo kuye, njengakumdali onyanisekileyo, ekulungiseni.
Bible Society of South Africa 1902