Umbongo ngenxa yemisebenzi kaThixo emangalisayo
Kumongameli. Ingoma. Umhobe.
1Dumani kuThixo, nonke hlabathi,
2Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe,
Mzukiseni, mdumiseni.
3Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho!
Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.
4Lonke ihlabathi liya kukunqula,
Bakubethele uhadi;
Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)
5Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,
Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.
6Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;
Bawuwela umlambo ngeenyawo;
Apho savuya ngaye.
7Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;
Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;
Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)
8Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,
Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.
9Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,
Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.
10Ngokuba ùsicikidile, Thixo;
Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;
11Ùsingenise emboniselweni;
Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;
12Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;
Singéne emlilweni nasemanzini;
Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.
13Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;
Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,
14Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,
Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.
15Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,
Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;
Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)
16Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo,
Oko akwenzele umphefumlo wam.
17Ndadanduluka kuye ngomlomo wam;
Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.
18Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam,
INkosi yam ibingayi kuphulaphula.
19Hayi ke, uThixo uphulaphule,
Úlibazéle indlebe ilizwi lomthandazo wam.
20Makabongwe uThixo,
Yena ungawugxothanga umthandazo wam,
Nobubele bakhe kum.