IINDUMISO 67
Zonke izizwe ziyayalwa ukuba zibonge uThixo
Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma.
1Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela,
Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
2Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho,
Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
3Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,
Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
4Zavuya zamemelela izizwe:
Ngokuba ùya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye,
Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
5Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,
Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
6Umhlaba uyivelisile indyebo yawo;
Úya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
7Úya kusisikelela uThixo,
Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.