1Umphefumlo wam udimele bubomi bam;
Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam;
Ndithèthe, úkrakra umphefumlo wam;
2Ndíthi kuThixo, Musa ukundigweba;
Ndazíse ukuba ubambene nam ngani na?
3Kulungile na kuwe ukuba ucudise,
Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho,
Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
4Ùnamehlo enyama na?
Ùbona ngokubona komntu na?
5Injengemihla yomntu na imihla yakho,
Iminyaka yakho injengemihla yomfo na;
6Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,
Usingxoke isono sam,
7Usazi nje ukuba andingongendawo,
Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
8Izandla zakho zindiyilile, zandenza
Ndonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.
9Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;
Ke undibuyisa undise eluthulini!
10Akundithululanga na njengamasi,
Wandivuthisa njengengqaka?
11Wandambesa ngolùsu nenyama,
Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12Ùndenzele ubomi nenceba,
Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
13Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho;
Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
14Ukuba ndithe ndona, wòndibamba undilinde,
Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
15Ukuba ndithe ndaba ngongendawo, athi ke mna!
Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingàyiphakamisi intloko yam:
Ndihlúthi kukucukucezwa,
Nakukubona iintsizi zam.
16Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wòndizingela njengengonyama,
Úbuye wenze ngokubalulekileyo kum;
17Úhlaziye amangqina akho phambi kwam;
Úyandise ingqumbo yakho kum,
Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
18Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni?
Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
19Ndanga andibangakho,
Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
20Àyimbalwa na imihla yam? Makayeke,
Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
21Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya,
Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,
22Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko,
Lethunzi lokufa nelesidubedube,
Elinkazimlo injengesithokothoko.