Izenzo zeYerusalem nesohlwayo sazo
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazíse ke onke amasikizi awo.
3Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, ùphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi! 4Ngegazi lakho olithululeyo uzeké ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenzé inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe. 5Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; ùnegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.
6Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi. 7Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe. 8Iingcwele zam ùzidelile, neesabatha zam ùzihlambele. 9Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; àdlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho. 10Ubuzé booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzí bamdlwengulela kuwe. 11Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intomi kayise, kuwe. 12Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udlé abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko; ùyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; ùndilibele; itsho iNkosi uYehova.
13Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho. 14Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke. 15Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe. 16Wòzihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.
17Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 18Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere. 19Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.
20Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise. 21Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo. 22Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; názi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu.
23Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 24Nyana womntu, yithi kulo, Ùlilizwe elizulu lingàsiyo, elingànelwayo ngomhla wobhavumo. 25Lucebo lwabaprofeti balo esazulwini salo. Njengengonyama ebharhulayo, eqwenga inyamakazi, badla imiphefumlo; bahlutha into eqwetyiweyo nenqabileyo; bandisa abahlolokazi balo esazulwini salo. 26Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; àbacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, àbabonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amehlo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo. 27Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi. 28Abaprofeti bábatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga. 29Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.
30Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani. 31Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova.