Ikrele likaYehova lokuchasa uSirayeli
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, bhekisa ubuso kwiYerusalem, uwise intetho ezingcweleni, uprofete ngomhlaba wakwaSirayeli.
3Yithi kumhlaba wakwaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile; ndirhola ikrele lam esingxotyeni salo, ndinqumle kuwe ilungisa nongendawo. 4Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla; 5yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.
6Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo. 7Kothi, xa bathe kuwe, Ùncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.
8Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 9Nyana womntu, profeta uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ikrele, ikrele liloliwe, likhazimlisiwe nokukhazimliswa. 10Liloliwe ukuze lixhele libulale; likhazimlisiwe ukuze limenyezele njengombane. Ngesiba nemihlali sithi, Intonga yonyana wam le icekisa imithi yonke na? 11Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali. 12Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangéni. 13Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.
14Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo. 15Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale. 16Tyekela ngasekunene, guqukela ekhohlo, apho lubhekisa khona uhlangothi lwakho. 17Nam ndiya kuzitywakraza izandla zam, ndibupholise ubushushu bam, mna Yehova ndithethile.
IBhabheli ichasa uYuda noAmon
18Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, 19Wena ke, nyana womntu, zimisele iindlela ezimbini, ukuze lize ngazo ikrele lokumkani waseBhabheli; maziphume zweni-nye zombini, ukrole umalathiso, uwukrole emantloko endlela yomzi. 20Misa indlela, ukuze ikrele lifike eRabha yoonyana baka-Amon, nakwelakwaYuda, eYerusalem enqatyisiweyo.
21Kuba ukumkani waseBhabheli umise ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze ahlabe isihlabo; uhlukuhla iintolo, ubuza kwimilondekhaya, ukhangela esibindini. 22Esandleni sakhe sokunene isihlabo sihlabe iYerusalem, ukuze kumiswe izinto zokutyhomfa, uhlatywe umkhosi wokubulala, kuphakanyiswe izwi lokuduma, kumiswe izinto zokutyhomfa emasangweni, kufunjwe udonga lokungqinga, kwakhiwe iinqaba zokubonisela. 23Soba njengesihlabo esikhohlakeleyo kubo emehlweni abo, bafungelwe izifungo bona; ke yena wokhumbuza ubugwenxa, ukuze baxhakamfulwe.
24Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.
25Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi, 26Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa. 27Ndiya kukuphenula ndikuphenule, ndikuphenule; kwanako oko akuyi kuba kuko, koda kufike lowo kukokwakhe ukugweba; ndikùnike yena.
28Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale; likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane. 29Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela. 30Líbuyisele esingxotyeni salo. Endaweni odalelwe kuyo, ezweni lemvelo yakho, ndiya kukugweba. 31Ndiya kuthulula phezu kwakho ubhavumo lwam. Ndiya kukubasela ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndikunikele esandleni samadoda azizityhakala, iingcibi ezonakalisayo. 32Ùya kuba kukudla komlilo; igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe; akuyi kukhunjulwa; kuba mna Yehova ndithethile.