Uvukelo-mbuso luka-Abhisalom
1Kwathi emveni koko, uAbhisalom wazilungisela iinqwelo zokulwa, namahashe, namadoda angamashumi amahlanu ukuba abe zizigidimi phambi kwakhe. 2UAbhisalom wavuka kusasa, wema ngasecaleni lendlela yesango. Ubesakuthi, bonke abantu abanembambano yokuba kuyiwe kukumkani ngayo, ukuba ayigwebe, ababizele kuye uAbhisalom, abuze athi, Ùngowawuphi na umzi? athi umntu lowo, Ungowezizwe zakwaSirayeli umkhonzi wakho. 3Ubesakuthi ke uAbhisalom kuye, Yabona, iindawo zakho ezi zilungile, zithe tse; koko akunamntu wokuzithetha kukumkani; 4athi uAbhisalom, Andaba bendimisiwe ndaba ngumgwebi ezweni apha, beze kum bonke abantu abanendawo ekubanjwene ngayo; ngendibalungisa! 5Ubesithi, akusondela umntu eza kuqubuda kuye, asuke amnike isandla sakhe, ambambe, amange. 6Wenza ke uAbhisalom ngendawo enjalo kumaSirayeli onke, abesiza kukumkani ekugwebeni. Waziba uAbhisalom iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.
7Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mané, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron; 8ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova. 9Wathi ukumkani kuye, Hamba úxolile. Wesuka ke, waya eHebron.
10UAbhisalom wathumela iintlola ezizweni zonke zakwaSirayeli, esithi, Nákuliva izwi lesigodlo, yithini, UAbhisalom ungukumkani eHebron. 11Kwaphuma eYerusalem, kwahamba noAbhisalom, amakhulu amabini amadoda amenyiweyo; ayehamba eyeke umzimba, engazi nto. 12UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.
Ukusaba kukaDavide eYerusalem
13Kwafika umntu, wamxelela uDavide, esithi, Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zilandele uAbhisalom. 14Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke abenabo eYerusalem, Sukani sibaleke; ngokuba asiyi kuba nakusinda ebusweni buka-Abhisalom. Khawulezani simke, hleze akhawuleze, asifikele, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwekrele. 15Bathi abakhonzi bokumkani kukumkani, Entweni yonke, eya kuyinyula inkosi yethu ukumkani, naba bekho abakhonzi bakho. 16Waphuma ukumkani, indlu yakhe yonke imlandela. Ukumkani washiya ishumi lamashweshwe, ukuze ayigcine indlu.
17Waphuma ke ukumkani, bemlandela abantu bonke; bema eBhete-meraki; 18bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani. 19Wathi ukumkani kuItayi waseGati, Yini na ukuba nawe uhambe nathi? Buya, uhlale nokumkani; ngokuba ùngowasemzini, ungumfiki, buyela endaweni yakho; 20ungáthi, ufiké izolo eli, ndikubhadulisè nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe. 21UItayi wamphendula ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, ihleli nje inkosi yam ukumkani, inene, endaweni eya kuba kuyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni, nokuba kusebomini, úya kuba lapho umkhonzi wakho. 22Wathi uDavide kuItayi, Hamba ugqithe ke. Wagqitha uItayi namadoda akhe onke, nosapho lonke abenalo.
23Lonke ilizwe laye lilila ngezwi elikhulu, bewela abantu bonke; ewela nokumkani emlanjaneni oyiKidron; abantu bonke bewela bekhangelene nendlela yentlango. 24Nanko, uTsadoki nabaLevi bonke benaye, bethwele ityeya yomnqophiso kaThixo, bayibeka phantsi ityeya kaThixo. Wenyuka uAbhiyatare, bada bagqibelela bonke abantu ukuwela, bephuma kuwo umzi.
25Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo. Ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wóndibuyisa, andibonise yona kwanekhaya lakhe. 26Ukuba úthe, Andikunanzile; nanku ndikho, makenze kum ngoko kulungileyo emehlweni akhe. 27Wathi ukumkani kuTsadoki umbingeleli, Wena mboni, buyela kuwo umzi unoxolo, noAhimahatse unyana wakho, noYonatan unyana ka-Abhiyatare, oonyana benu bobabini kunye nawe. 28Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela. 29UTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela ityeya kaThixo eYerusalem, bahlala khona.
30UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila. 31Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.
32Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko. 33UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum; 34ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wònditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele. 35Àbanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli. 36Yabona, bakho khona nabo oonyana babo bobabini, uAhimahatse okaTsadoki, noYonatan oka-Abhiyatare; nòlithumela ngesandla sabo kum lonke ilizwi enithe naliva. 37Waya ke uHushayi, umhlobo kaDavide, kuwo umzi; uAbhisalom weza eYerusalem.