UTsibha noShimehi
1UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkhawulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini. 2Wathi ukumkani kuTsibha, Ùthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango. 3Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba úthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo. 4Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
5Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa. 6Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye. 7Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo; 8uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyelé ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
9Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko. 10Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo? 11Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova. 12Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla. 13UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli. 14Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona.
UAhitofele noHushayi kunye noAbhisalom eYerusalem
15Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele.
16Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani. 17Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungahambi nomhlobo wakho? 18Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna. 19Kananjalo ndibe ndifanele ukukhonza bani na? Bendingafanele kukhonza phambi konyana wakhe na? Njengoko ndakhonzayo phambi koyihlo, ndiya kwenjenjalo phambi kwakho.
20Wathi uAbhisalom kuAhitofele, Khanenze icebo, ukuba siya kwenza ntoni na. 21Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe. 22Bamtwabululela uAbhisalom intente phezu kwendlu; wangena uAbhisalom kumashweshwe kayise emehlweni amaSirayeli onke. 23Ke kaloku icebo lika-Ahitofele, abecebisa ngalo ngaloo mihla, belinjengelobúze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom.