Amaculo 90
ICULO XC.
Umtandazo ka‐Mosesi, indoda ka‐Tixo.
1NKOSI! ubulikaya letu ngesizukulwana ngesizukulwana. 2Okuya bezingekazalwa intaba, nxa ubungadalanga umhlaba nelizwe, kwa kunapakade kude kube ngunapakade, wena ungutixo.
3Uyamguqulela entshabalalweni umntu; uti: Buyelani, bonyana babantu! 4Ngokuba ebusweni bako iwaka leminyaka injengemini yezolo nxa igqitileyo, nanjengevaṙasho ebusuku. 5Uyabakukulisa; banjengobutongo: ngokusa banjengenca ebuyayo. 6Ngokusa iyahluma, ibuye; ngokuhlwa iyasikwa, ibune.
7Ngokuba sigqitywa ngengqumbo yako, situswa nangomsindo wako. 8Izikohlakalo zetu uzibekile pambi kwako; izono zetu ezifihlakeleyo uzibekile ekukanyeni kwobuso bako. 9Ngokuba yonke imihla yetu idlula emsindweni wako; siyagqiba iminyaka yetu njengesicamango. 10Imihla yeminyaka yetu yiminyaka emashumi asixe̔nxe; nanxa iti ngenxa yokwomelela ibe yiminyaka emashumi asibozo, amandla ayo abubunzima nobubi noko; ngokuba inqanyulwa kamsinya, size sibaleke. 11Ngubanina owazi amandla engqumbo yako, nanjengokwoyikeka kwako umsindo wako?
12Sazise sibale imihla yetu, ngendawo yokuba sizuze intliziyo yobulumko. 13Buya, Yehova! kwoba kade kangakananina? uze ube nosizi pezu kwezicaka zako. 14Sikolise kusasa ngobubele bako, ize sigcobe sivuye yonke imihla yetu. 15Sivuyise njengokwemihla wabusibandezela ngayo, njengokweminyaka sabesibona ububi ngayo. 16Makubonakale izenzo zako ezicakeni zako, nobungcwalisa bako kubantwana bazo. 17Mabuti ubuhle bukayehova, utixo wetu, bube pezu kwetu: nomsebenzi wezandla zetu uwuqinise pezu kwetu; ewe, umsebenzi wezandla zetu uwuqinise.
Bible Society of South Africa 1902