ICULO LXXXIX.
Elokuqondisa lika‐Etane um‐Ezera.
1NDOVUMA ngazo izibele zikayehova kude kube ngunapakade: ngomlomo wam ndiya kwazisa inyaniseko yako kwisizukulwana ngesizukulwana. 2Ngokuba ndite: Ububele buya kwakiwa kude kube ngunapakade; inyaniseko yako uya kuyiqinisa kwa kuwo amazulu. 3Ndenzile ucebano nomqashwa wam, ndifungile ku‐Davide isicaka sam: 4Inzalo yako ndoyimisa kude kube ngunapakade, ndake iterone yako kwisizukulwana ngesizukulwana. Sela.
5Ewe, amazulu aya kudumisa imimangaliso yako, Yehova! inyaniseko yako nayo entlanganisweni yabazingcwele. 6Ngokuba ngubanina ezulwini ongalinganiswa noyehova? ngubanina pakati kwonyana babakulu ofana noyehova? 7Utixo ulungel’ ukwoyikwa kakulu esihlelweni sabazingcwele; woyikekile pezu kwabo bonke abamngqongayo. 8Yehova, Tixo wemikosi! ngubanina o nguyehova onamandla njengawe? kanjalo inyaniseko yako iyakungqonga. 9Upete ngobukosi ir̔atshi lolwandle; nxa apakamayo amaza alo uyawati tu. 10Utyumzile i‐Rahabi njengohlatyiweyo; uzicitile intshaba zako ngengalo yako enamandla. 11Amazulu ngawako, umhlaba nawo ngowako; ilizwe, nokuzala kwalo, uzisekele wena. 12Inode nesuyide uzidalile; i‐Tabore ne‐Heremone ziya kugcoba ngegama lako. 13Unengalo enokwomelela; sinamandla isandla sako, sipakamile esokunene sako. 14Ubulungisa nobugwebo bungumsekelo weterone yako; kwohamba ububele nenyaniso pambi kwobuso bako.
15Hai itamsanqa labantu abayaziyo intlokoma yovuyo; bohamba ekukanyeni kwobuso bako, Yehova! 16Ngegama lako bovuyelela imini yonke; nangobulungisa bako baya kupakanyiswa. 17Ngokuba wena ububungcwalisa bamandla abo; nangembuko yako upondo lwetu luya kupakanyiswa. 18Ngokuba ikaka letu le likayehova; nokumkani wetu ngowoyingcwele ka‐Sirayeli.
19Oko wabuteta embonisweni ngoyingcwele yako, wati: Ndibekile uncedo pezu kwonamandla; ndipakamisile oqashiweyo ebantwini. 20Ndimfumene u‐Davide isicaka sam; ndimtambisile ngeoli yam engcwele: 21esiya kuti isandla sam sibe naye ngokuqinileyo: ewe, ingalo yam iya kumomeleza. 22Utshaba aluyi kumfundekela, nonyana wenkohlakalo akayi kumbandezela. 23Ndandiya kucita ebusweni bake abo bayimpi kuye; nabo bamtiyayo ndobabeta. 24Kodwa kwobako naye inyaniseko yam nobubele bam; nangegama lam upondo lwake luya kupakanyiswa. 25Ndandiya kubeka isandla sake elwandle, nesokunene sake emilanjeni. 26Yena uya kubiza kum ngokuti: Ungubawo wam wena, utixo wam, nelityekazi losindiswa lwam. 27Nam ndiya kumenza owamazibulo, opezulu kubo okumkani bomhlaba. 28Ububele bam ndiya kumgcinela bona kude kube ngunapakade; nocebano lwam lwohlala luqinile kuye. 29Kanjalo ndiya kumisa inzalo yake kude kube ngunapakade, neterone yake njengemihla yezulu. 30Xeshekweni abantwana bake bawushiyayo umteto wam, bangahambi ezigwetyweni zam; 31xeshekweni batshitshisa izimiselo zam, bangagcini imiyalelo yam; 32ndiya kwandula ndohlwaye izigqito zabo ngentonga, nenkohlakalo yabo ngemivimbo. 33Kodwa ububele bam andiyi kubuhluta kuye; nenyaniseko yam andiyi kuyenza ixoke. 34Andiyi kutshitshisa ucebano lwam; nento epumileyo emlonyeni wam andiyi kuyiguqula. 35Ndifungile kwa kanye ubungcwele bam, ukuba andiyi kuxokisa u‐Davide. 36Inzalo yake yobako kude kube ngunapakade, neterone yake njengelanga pambi kwam. 37Iya kuqiniswa kude kube ngunapakade njengenyanga, nanjengenqi̔na elinyanisekileyo ezulwini. Sela.
38Kodwa wena ulahlile, wadela; ubuqumbele umtanjiswa wako. 39Ulutiyile ucebano lwesicaka sako; unco̔lisile isitsaba saso kude kube semhlabeni. 40Uzicitile zonke intango zaso; inqaba zaso uzenzile intshabalalo. 41Bonke abadlula ngendlela bayasipanga; sisisigxekwa kubo abamelwane baso. 42Upakamisile isandla sokunene sabayimpi kuso; uzivuyisile zonke intshaba zaso. 43Ewe, utuntuzile uhlangoti lweṙele laso; akusimisanga ekulweni. 44Upelisile inkazimlo yaso; neterone yaso uyiwisele emhlabeni. 45Imihla yobutsha baso uyincipisile; usigubungele ngedano. Sela.
46Kude kube ninina, Yehova? uya kuzifihla kude kube ngunapakade na? umsindo wako uya kutsha njengomlilo na? 47Kumbula ixesha lam ukuba lingakananina! Kunganina ukuba ufumane wenza bonke abantu? 48Nguwupina umntu ohleliyo ongayi kubona ukufa? uya kusindisa umpefumlo wake esandleni sencw̔aba na? Sela. 49Nkosi! zipina izibele zako zangapambili, owabuzifungela u‐Davide enyanisekweni yako? 50Kumbula, Nkosi! ukutukwa kwezicaka zako; ukuba ndikutwele esifubeni sam konke ukutuka kwabantu abaninzi; 51oko intshaba zako zitukile ngako, Yehova! oko zitukile ngako imikondo yomtanjiswa wako.
52Makabongwe uyehova kude kube ngunapakade. Amene, ewe Amene.