ICULO LXXVIII.
Elika‐Safa, lokuqondisa.
1BEKANI indlebe, bantu bam! emtetweni wam: tobani indlebe zenu emazwini omlomo wam. 2Ndiya kuvula umlomo wam ngomzekeliso; ndiya kuxela izintsonkotelo zakudala: 3esizivileyo sazazi, nesizityelweyo ngobawo betu. 4Asiyi kuzisitelisa kubantwana babo, sishumayela kwisizukulwana sasemva indumiso zikayehova, namandla ake, nemimangaliso yake ayenzileyo. 5Ngokuba wamisa isinqi̔no kwa‐Yakobi, wadala umteto kwa‐Sirayeli, owabayalela obawo betu ukuba bazazise kubantwana babo; 6ukuze sizazi isizukulwana sasemva, abantwana abaza kuzalwa; bavuke bazishumayele nakubantwana babo: 7ukuba babeke pezu kwotixo itemba labo, bangazilibali izenzo zikatixo, kodwa imiyalelo yake bayibambe; 8bangabi njengoyise babo, isizukulwana esinenkani esingevayo; isizukulwana esingalungisanga intliziyo yaso, nesimoya ungatanga nqi kutixo.
9Onyana baka‐Frayime, betyeda betola ngezipeta, bajika ngomva ngemini yokulwa. 10Abagcina ucebano lukatixo, bala nokuhamba emtetweni wake; 11balibala nemisebenzi yake, nemimangaliso yake abebabonisile yona.
12Wenza okungummangaliso pambi kwoyise babo, elizweni le‐Jipete, ezindle zase‐Tsohane. 13Wacanda ulwandle, wabaweza ke; wawamisa amanzi njengemfumba. 14Emini wabakokela ngelifu, nasebusuku bonke ngokukanya kwomlilo. 15Wacanda amatyekazi entlango, wabaseza njengasezinzulwini ngokukolisa. 16Wavelisa izelo eweni, wahlisela pantsi amanzi njengemilambo. 17Kanti bongeza kanjako ukwona ngakuye, ngokuvukela opezu kwonke ebugxwayibeni. 18Balinga utixo entliziyweni yabo, ngokucelela umxe̔lo wabo ukudla. 19Ewe, bateta ngakuye utixo; bati: Utixo angalungisa isitebe entlango na? 20Kangela, wabeta ilityekazi, aza ampompoza amanzi, yati imisinga yakukula; anganika nesonka na? angabekela abantu bake inyama na? 21Wati ngoko uyehova weva, waqumba: waza umlilo wapenjelwa ngakuye u‐Yakobi, nomsindo wavuka ngaku‐Sirayeli, 22ngokokuba bengakolwanga kutixo, nokuba bengatembanga ekusindiseni kwake; 23nangona wayalela amafu pezulu, wavula ingcango zezulu, 24wanisa imana pezu kwabo badle, wabanika inqolowa yezulu. 25Badla abanye ngabanye ukutya kwabazinkosi; wabatumela ukutya kwada kwahlutiswa. 26Wapumisela ezulwini umoya wasempumalanga, wazisa ngamandla ake umoya wasesuyide. 27Wanisa nenyama pezu kwabo njengotuli, nentaka ezinamapiko njengentlabati yolwandle; 28wayiwisa pakati kwomnquba wabo, ngento engqongayo intente zabo. 29Baza badla, bahluta kanye; ngokuba wabanika inkanuko yabo.
30Bebengekahlukani nenkanuko yabo, ukutya kwabo bekusesemlonyeni wabo, 31nxa umsindo katixo wavuka ngakubo, wabulala pakati kwabatyebileyo babo, wawisa pantsi abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli. 32Kanti bamana ukwona noko; abakolwanga nayimimangaliso yake. 33Ngako wapelisa imihla yabo kokungendawo, neminyaka yabo ekutusweni. 34Bati akubabulala, bandula ukumfuna; babuya babuza utixo ngokukuteleyo. 35Bakumbula ukuba utixo ulilityekazi labo, nokuba utixo opezu kwonke ungumkululi wabo. 36Bamhanahanisa ngomlomo wabo noko, bamxokisa ngelwimi zabo. 37Ngokuba intliziyo yabo ibingalunganga ngakuye, babengaqinanga nokuqina kulo ucebano lwake. 38Kodwa yena, enenceba nje, waxolela inkohlakalo yabo, akabatshabalalisa: kwa futi wabuyisa ingqumbo yake, engavusanga wonke umsindo wake kanjalo. 39Ngokuba ebekumbula ukuba bayinyama; umoya omkayo, ungabuyi uze.
40Bekufuti kangakanana bamvukelayo entlango, bamcapukisa ebugxwayibeni! 41Ewe, babuya balinga utixo; bammisela oyingcwele ka‐Sirayeli umda. 42Abakumbula isandla sake, umhla okuya wabakululayo elutshabeni: 43okuya wamisa imiqondiso yake e‐Jipete, nemimangaliso yake ezindle zase‐Tsohane, 44waguqula imilambo yabo ibe ligazi, nezelo zabo, bada bakohlwa kusela. 45Watuma izibau pakati kwabo, ezazibadla; namasele, abebatshabalalisa. 46Wanika ukucu̔ma kwabo kuṙuxeshe, nenzuzo yabo kwinkumbi. 47Wabulala imiti yeveyine yabo ngesico̔to, nemikiwane yabo ngengqele. 48Wanikela esico̔tweni inkomo zabo, nemihlambi yabo emibaneni. 49Waposa pezu kwabo ubushushu bengqumbo yake, umsindo, nobuṙala, nobunzima, ngokutuma izitunywa zobubi. 50Walungisela ingqumbo yake indlela; akabamba umpefumlo wabo ekufeni, wanikela embujisweni ubomi babo. 51Wabeta bonke abamazibulo e‐Jipete, abakuqala kwamandla ezintenteni zakwa‐Hame. 52Kodwa abantu bake wabapumisela njengegusha, wabakokela entlango njengomhlambi. 53Wabakapa ngokugcinekayo, bengoyikanga; kanti intshaba zabo ulwandle lwazigubungela. 54Wabazisa emdeni wake oyingcwele, kulentaba eyabizuzwa sisandla sake sokunene. 55Waza wagxota abaheyideni pambi kwabo, wababela ilifa ngentambo, wahlalisa izizwe zo‐Sirayeli ezintenteni zazo.
56Kanti balinga bavukela utixo opezu kwonke, bengagcinanga izinqi̔nelo zake; 57bahlehla, benza ngobuxoki njengoyise babo: bajikajika njengesipeta esikohlisayo. 58Bamqumbisa ngendawo zabo ezipakamileyo, bamvusela ikwele ngemifanekiso yabo eqingqiweyo. 59Wati utixo akuva, waqumba, wadela o‐Sirayeli kakulu; 60wada walahla itabanakele yase‐Shilo, intente wabeyimisa pakati kwabantu; 61wanika amandla ake ekutinjweni, nobungcwalisa bake esandleni sotshaba. 62Wabanikela esiṙeleni abantu bake, waqumbela ilifa lake. 63Umlilo wadla amadodana abo; nentombi zabo bezingadunyiswa emitshatweni. 64Abaperisite babo bawa ngesiṙele; nabahlolokazi babo bebengalili.
65Yaza inkosi yavuka njengobelele ubutongo, njengeṙoti elidandulukayo ngenxa yeveyine. 66Yabetela ngomva intshaba zayo; yazenza isigxekwa esingunapakade. 67Kanjako yala intente ka‐Josefe; nesizwe sika‐Frayime ayasiqasha; 68yaqasha isizwe sika‐Juda, intaba ye‐Ziyone eyayitandayo. 69Yaka indawo yayo eyingcwele njengendawo ezinde, njengomhlaba iwusekeleyo kude kube ngunapakade. 70Yaqasha no‐Davide isicaka sayo, yamsusa ezibayeni zegusha; 71yamvelisa ekulandeleni igushakazi ezanyisayo, aze apate o‐Yakobi abantu bayo, no‐Sirayeli ilifa layo. 72Waza wabapata ngobunene bentliziyo yake, wabakapa ngobulumko bezandla zake.