Amaculo 77
ICULO LXXVII.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, u‐Jedutune: iculo lika‐Safa.
1NDAKALA kutixo ngelizwi lam, kwa kutixo ngelizwi lam, wandinika indlebe ke. 2Ngemini yobunzima bam ndafuna inkosi; isandla sam solulwa ebusuku, asayeka; umpefumlo wam wala ukututuzelwa. 3Ndakumbula utixo, ndaba nesitukutezi; ndacamanga, waza wacubuka umoya wam. Sela. 4Ububamba inkope zamehlo am; bendixalile, andateta ke. 5Ndakumbulela imihla yapambili, iminyaka yakudala. 6Ndakumbula ukucula kwam ebusuku; ndacamanga pakati kwentliziyo yam; wati umoya wam wapengulula. 7Inkosi iya kulahla kude kube ngunapakade na? ayisayi kubuya ibe nokubuka na? 8Ububele bake bunqamkile ngonapakade na? ilizwi lake lipelile kwisizukulwana ngesizukulwana na? 9Utixo ulibele ukuba nofefe na? uyivalele inceba yake ngomsindo na? Sela.
10Ndaza ndati: Bubulwelwe bam oku! iminyaka yesandla sokunene sopezu kwonke, 11izenzo zikayehova ndozikumbula; ngenyaniso ndokumbula imimangaliso yako yakudala. 12Ndandiya kucinga konke ukwenza kwako, nditete ngemisebenzi yako. 13Indlela yako, Tixo! isendaweni eyingcwele: ngubanina o ngutixo omkulu njengaye utixo? 14Wena ungutixo owenza okungummangaliso; ubonakalisile amandla ako pakati kwezizwe. 15Ubakulule abantu bako ngengalo yako, onyana baka‐Yakobi nabaka‐Josefe. Sela. 16Amanzi ebekubona, Tixo! amanzi ebekubona, ankwantya ke: ewe, inzulu zazamazama. 17Amafu agalela amanzi; isibakabaka saku̔pa ilizwi; intolo zako nazo zapumela. 18Ilizwi lokududuma kwako belisezulwini; imibane yabaneka ilizwe; umhlaba wazamazama wangcangcazela. 19Umendo wako ubuselwandle; indlela yako ibisemanzini amakulu; imikondo yako ayaziwa. 20Wakokela abantu bako njengegusha, ngesandla sika‐Mosesi nesika‐Arone.
Bible Society of South Africa 1902