1Laza iqashiso lesibini lapumela u‐Simone, kwa isizwe sosapo luka‐Simone, ngezizalwane zalo: laye ilifa lalo lipakati kwelifa losapo luka‐Juda. 2Naselifeni lalo lwalune‐Beresheba, ne‐Sheba, ne‐Molada, 3ne‐Hatsare‐shuhali, ne‐Bala, ne‐Hatseme, 4ne‐Letoladi, ne‐Betule, ne‐Horema, 5ne‐Tsikilage, ne‐Bete‐marakabote, ne‐Hatsare‐susa, 6ne‐Bete‐lebawote, ne‐Sharuhene; izixeko ezilishumi linazitatu, nemizi yazo: 7i‐Hayine, ne‐Rimone, ne‐Hetere, ne‐Hashane; izixeko ezine, nemizi yazo: 8nayo yonke imizi ebingqongayo izixeko ezo, kwada kwase‐Bahalate‐bere, e‐Rama yasesuyide.
Eli lilifa lesizwe sosapo luka‐Simone, ngezizalwane zalo. 9Lacatshulwa esahlulweni sosapo luka‐Juda ilifa losapo luka‐Simone: ngokuba isabelwa sosapo luka‐Juda besisikulu kulo; ngako usapo luka‐Simone lwamkela ilifa pakati kwelifa lalo.
10Laza iqashiso lesitatu lenyukela usapo luka‐Zebulone, ngezizalwane zalo. Waya umda welifa lalo kwada kwase‐Saride: 11waza umda walo wenyukela ngasentshonalanga ne‐Marala, wafikela e‐Dabashete, wafikela nasemlanjeni opambi kwayo i‐Yokename; 12waza wabuya e‐Saride ngapambili, ngasekupumeni kwelanga, waya emdeni wase‐Kiselote‐tabore, wapumela e‐Daberate, wenyukela e‐Yafiya; 13wadlula kona ngapambili, ngasempumalanga, waya e‐Gate‐hefere, nase‐Hete‐katsine, wapumela e‐Rimone, wolukela e‐Neha; 14waza umda lowo wajika kona ngasenode waya e‐Hanatone; nokupela kwawo kwakusesihlanjeni se‐Yifeta‐ele: 15ne‐Katate, ne‐Nahalali, ne‐Shimrone, ne‐Yidala, ne‐Beteleheme; izixeko ezilishumi linazibini, nemizi yazo.
16Eli lilifa losapo luka‐Zebulone, ngezizalwane zalo, izixeko ezi nemizi yazo.
17Iqashiso lesine lapumela u‐Yisakare, kwa usapo luka‐Yisakare, ngezizalwane zalo. 18Waya umda walo ngase‐Yezerele, ne‐Kesulote, ne‐Shuneme, 19ne‐Hafarayime, ne‐Shiyone, ne‐Anaharate, 20ne‐Rabiti, ne‐Kishiyone, ne‐Abetse, 21ne‐Remete, ne‐Hene‐ganime, ne‐Hene‐hada, ne‐Bete‐patsetse; 22waza umda lowo wafikela e‐Tabore, ne‐Shahatsima, ne‐Bete‐shemeshe; nokupela kwawo umda walo kwakuse‐Yoredane: izixeko ezilishumi linazitandatu, nemizi yazo.
23Leli ilifa lesizwe sosapo luka‐Yisakare, ngezizalwane zalo, izixeko nemizi yazo.
24Laza iqashiso lesihlanu lapumela isizwe sosapo luka‐Ashere, ngezizalwane zalo. 25Waye umda walo ubuyi‐Helekate, ne‐Hali, ne‐Betene, ne‐Kashafe, 26ne‐Alameleki, ne‐Hamehadi, ne‐Mishali; waya wafikela e‐Karamele ngasentshonalanga, nase‐Shihore‐libenate; 27waza wabuya kona ngasekupumeni kwelanga waya e‐Bete‐dagone, wafikela kwa‐Zebulone nasesihlanjeni se‐Yifeta‐ele, ngecala lasenode le‐Bete‐hemeki ne‐Nehiyele, wapumela e‐Kabule ngasekohlo; 28ne‐Hebrone, ne‐Rehobi, ne‐Hamone, ne‐Kana, kude kwase‐Tsidone enkulu; 29waza wabuya umda lowo waya e‐Rama, nakude kwasesixekweni esinqatyisiweyo esiyi‐Tire; wabuya kanjako waya e‐Hosa; nokupela kwawo kwakuselwandle, emhlabeni ngase‐Kazibe; 30ne‐Huma, ne‐Afeki, ne‐Rehobi: izixeko ezingamashumi mabini anazibini, nemizi yazo.
31Leli ilifa lesizwe sosapo luka‐Ashere, ngezizalwane zalo, izixeko ezi nemizi yazo.
32Iqashiso lesitandatu lapumela usapo luka‐Nefatali, kwa usapo luka‐Nefatali ngezizalwane zalo. 33Wavela umda walo e‐Helefe, eyekeni e‐Tsahananime, ne‐Adami, ne‐Nekebi, ne‐Yabinele, waya kude kwase‐Lakume; nokupela kwawo kwakuse‐Yoredane: 34wandula wabuya umda lowo waya ngasentshonalanga e‐Azenote‐tabore, wapuma kona waya e‐Hukoke, wafikela kwa‐Zebulone ngecala lasesuyide, wafikela nakwa‐Ashere ngecala lasentshonalanga, nakwa‐Juda e‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga.
35Nezixeko ezinqatyisiweyo, yi‐Tsidime, ne‐Tsere, ne‐Hammate, ne‐Rakate, ne‐Kinerete, 36ne‐Adama, ne‐Rama, ne‐Hatsore, 37ne‐Kedeshe, ne‐Edrehi, ne‐Henehatsore, 38ne‐Yirone, ne‐Migidale‐ele, ne‐Horeme, ne‐Bete‐hanate, ne‐Bete‐shemeshe; izixeko ezilishumi linetoba, nemizi yazo.
39Leli ilifa lesizwe sosapo luka‐Nefatali, ngezizalwane zalo, ezizixeko nemizi yazo.
40Iqashiso lesixe̔nxe lapumela isizwe sosapo luka‐Dane, ngezizalwane zalo. 41Waye umda welifa lalo ubuyi‐Tsoreha, ne‐Shetawoli, ne‐Hire‐shemeshe, 42ne‐Shahalabine, ne‐Ajalone, ne‐Yitela, 43ne‐Eloni, ne‐Timnata, ne‐Hekrone, 44ne‐Leteke, ne‐Gibetone, ne‐Bahalate, 45ne‐Yehude, ne‐Bene‐beraki, ne‐Gate‐rimone, 46ne‐Me‐yarekone, ne‐Rakone, kunye nomda omalungana ne Jafo. 47Waye umda wosapo luka‐Dane wapuma kulo: ngokuba usapo luka‐Dane lwenyuka ukuya kulwa ne‐Lesheme, lwayitimba, lwayibeta ngohlangoti lweṙele, lwayibamba, lwahlala kuyo, lwayibiza i‐Lesheme ngokuti yi‐Dane, njengegama lika‐Dane uyise walo.
48Leli ilifa lesizwe sosapo luka‐Dane, ngezizalwane zalo, izixeko ezi nemizi yazo.
49Kwati kwakugqitywa ukwaba ilizwe libe lilifa, ngemida yalo, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwamnika u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ilifa pakati kwalo: 50ngelizwi likayehova lwamnika isixeko owasicelayo, i‐Timnate‐sera entabeni yakwa‐Frayime: waza wasaka isixeko eso, wahlala kuso.
51Ngawo la amafa, abawabayo u‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nabazintloko zendlu zoyise zezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli, ngeqashiso e‐Shilo, pambi kwoyehova, ngasemnyango wentente yentlangano. Kwa njalo bagqiba ukwaba ilizwe.