1YAZA yahlanganisana yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli e‐Shilo, yamisa kona intente yentlangano. Lati ilizwe leyiswa pambi kwalo.
2Kwaye kusala pakati kwosapo luka‐Sirayeli izizwe zazisixe̔nxe, ezingekabelwanga ilifa lazo. 3Ngako u‐Yoshuwa wati elusatsheni luka‐Sirayeli: Kwoda kube ninina eniya kunqena ukuya kufuya ilizwe, enilipiweyo nguyehova, utixo woyihlo benu? 4Kupani amadoda abe matatu ngesizwe ngesizwe, endiya kuwatuma, ukuba esuke acande elizweni, alibalise ngokwelifa lawo, abuye eze kum. 5Aeya kuzabela lona ngezabiwo ezisixe̔nxe: u‐Juda uya kuhlala pezu kwomda wake ngasesuyide, nendlu ka‐Josefe bona bohlala pezu kwomda wabo ngasenode. 6Nina ngoko niya kubalisa ilizwe ngezabiwo ezisixe̔nxe, nize nizise imbaliso kum kulendawo, ukuba ndinenzele amaqashiso apa pambi kwoyehova, utixo wetu. 7Ngokuba aba‐Levi bengenaso isabelwa pakati kwenu; koko ubuperisite bukayehova bulilifa labo: kanjako u‐Gadi, no‐Rubene, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, sebelamkele ilifa labo pesheya kwe‐Yoredane ngasempumalanga, abalinikiweyo ngu‐Mosesi, isicaka sikayehova.
8Aza esuka amadoda lawo, emka ke. Waye u‐Yoshuwa eyalele abo bemkayo ukuya kubalisa ilizwe, ngokuti: Hambani nicande elizweni, nilibalise; nize nibuyele kum, ukuba ndinenzele apa amaqashiso pambi kwoyehova e‐Shilo. 9Emka ke amadoda lawo, adlula pakati kwelizwe, alibalisa ngezixeko zalo ngezabiwo ezisixe̔nxe encwadini, abuya eza ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Shilo. 10Waza u‐Yoshuwa wawenzela amaqashiso e‐Shilo pambi kwoyehova: waye u‐Yoshuwa kanjalo wabela kona ilizwe elusatsheni luka‐Sirayeli, njengezahlulo zalo.
11Kwaye kunyuka iqashiso lesizwe sosapo luka‐Benjamine, ngezizalwane zalo: wapuma umda weqashiswa lalo pakati kwosapo luka‐Juda nosapo luka‐Josefe.
12Wabuvela umda walo, ngecala lasenode, e‐Yoredane; waza wenyuka umda lowo waya ecaleni le‐Jeriko ngasenode, wabuya wenyuka ngentaba ngasentshonalanga, nokupela kwawo kwakusentlango yase‐Betavene. 13Wagqita kona umda lowo waya ngase‐Luze, ecaleni le‐Luze, ekwa yiyo i‐Betele, ngasesuyide; waza umda lowo wehlela e‐Hatarote‐adari, ngasentabeni esecaleni lasesuyide le‐Bete‐horone yasezantsi.
14Woluka umda lowo, wajikela ecaleni lolwandle ngasesuyide, uvela entabeni epambi kwayo i‐Bete‐horone ngasesuyide; nokupela kwawo kwakuse‐Kiriyate‐bali, ekwa yiyo i‐Kiriyate‐yarime, isixeko sosapo luka‐Juda: eli licala lasentshonalanga.
15Lavela icala lasesuyide esipelweni se‐Kiriyate‐yarime; wapuma umda lowo waya ngasentshonalanga, wapumela emtonjeni wamanzi ase‐Nefetowa: 16waza umda lowo wehlela esipelweni sentaba epambi kwaso isihlambo sonyana ka‐Hinome, esisemhlanjeni wama‐Rafa ngasenode; wandula wehlela esihlanjeni sika‐Hinome, ecaleni le‐Yebusi ngasesuyide, wehla kanjalo waya e‐Hene‐rogela; 17waza woluka enode, wapumela e‐Hene‐shemeshe; wapuma kona waya e‐Gelilote, emalungana neqina lase‐Adumime, wehlela elityeni lika‐Bohane unyana ka‐Rubene, 18wadlulela ecaleni elimalungana ne‐Haraba ngasenode, waza wehlela e‐Haraba: 19wadlula ke umda lowo waya ecaleni le‐Bete‐hogela ngasenode: nokupela kwawo umda lowo kwakusecwebeni lasenode lolwandle olutyuwa, esipelweni sasesuyide se‐Yoredane: nguwo lo umda wasesuyide.
20Kanjalo i‐Yoredane ibingumda walo ngecala lasempumalanga.
Eli lilifa losapo luka‐Benjamine, ngemida yalo engqongayo, ngezizalwane zalo.
21Kekaloku nazi izixeko zesizwe sosapo luka‐Benjamine, ngezizalwane zalo: i‐Jeriko, ne‐Bete‐hogela, nomhlambo we‐Ketsitse, 22ne‐Bete‐haraba, ne‐Tsemarayime, ne‐Betele, 23ne‐Havime, ne‐Para, ne‐Hofera, 24ne‐Kefari‐hamonai, ne‐Hofeni, ne‐Gaba; izixeko ezilishumi linazibini nemizi yazo: 25i‐Gibeyone, ne‐Rama, ne‐Berote, 26ne‐Mitsipe, ne‐Kefira, ne‐Motsa, 27ne‐Rekeme, ne‐Yiripele, ne‐Tarala, 28ne‐Tsela, ne‐Elefe, ne‐Yebusi, ekwa yiyo i‐Yerusaleme, ne‐Gibehate, ne‐Kiriyate; izixeko ezilishumi linazine, nemizi yazo.
Eli lilifa losapo luka‐Benjamine, ngezizalwane zalo.