1Ndenze ucebano namehlo am; ngendisiti nina ngoko ukukumbulela intombi? 2Ngokuba siyinina isabelo sikatixo sivela pezulu, nelifa losomandla livela ezinyangweni? 3Intshabalalo asi yeyake olimenemene na? nelishwa asi lelabo abasebenzi benkohlakalo na? 4Akaziboni na yena indlela zam? nawo onke amanyatela am akazibali na? 5Ukuba ndihambile nobuxoki; ukuba unyawo lwam lukaulezele enkohlisweni: 6mandilinganiswe esilinganisweni esilungeleleneyo, ukuze abazi utixo ubunene bam. 7Ukuba kutyekile endleleni ukuhamba kwam, ukuba intliziyo yam ilandele amehlo am, ukuba kunamatele ezandleni zam isidyobo; 8mandihlwayele mna, adle omnye; nezityalo zam mazinyotulwe. 9Ukuba intliziyo yam ihendelwe emfazini, ukuba ndilalele ngaselucangweni lwommelwane wam; 10makasilele omnye umfazi wam, napezu kwake mabatobe pantsi abanye. 11Ngokuba oko kuyinto ebuncwangu; ewe, oko kusisono esibang’ abagwebi. 12Ngokuba kungumlilo kona; bekuya kudla kude kubujiswe; nako konke ukwanda kwam bekuya kukunyotula.
13Ukuba ndidelile ityala lesicaka sam, nelesicakakazi sam, zakupika nam; 14sendiya kwenza nto nina, nxa utixo avukayo? naxeshekweni abuzayo, kuyinto nina ndiya kuyipendula kuye? 15Lowo owandenzayo mna embilini, akasenzanga na sona naso? asi nguye omnye osidalileyo esizalweni na?
16Ukuba ndibandezile ukunqwenela kwamahlwempu, ukuba ndipelisile amehlo omhlolokazi, 17ukuba ndityile ndedwa umtamo wam, nxa ingatyanga inkedama kuwo; 18(ngokuba kwa sebutsheni bam ibisondliwa ndim njengoyise, nomhlolokazi kwa sesizalweni sikama̔ ndimkapile:) 19ukuba ndibonile umntu ebuba ngokuswela into yokwambata, nolihlwempu engenasigubungelo; 20ukuba isinqe sake asinditamsanqelisanga, nokuba akazifudumalisanga ngoboya bezimvu zam: 21ukuba ndivivinyile isandla sam ngakuyo inkedama, nxa bendibona esangweni uncedo lwam: 22mawuti umkono wam ukumke egxalabeni, nengalo yam yapuke enqwiniba. 23Ngokuba intshabalaliso katixo ibisisituso kum; napambi kwobungangamsha bake bendikohliwe.
24Ukuba ndenzile igolide ingqiniso yam; ukuba ndite kwigolide entle: Ulitemba lam: 25ukuba ndandigcoba ngokuba buninzi ubutyebi bam, nangokuba sifumene inzuzo enkulu isandla sam: 26ukuba ndibonele ilanga lakukanya, nenyanga yakuhamba ekukazimleni; 27yaza intliziyo yam yahendwa ngasese, sada isandla sam sangana nomlomo wam: 28oku nako bekuya kuba sisono esibang’ abagwebi; ngokuba ngendiba ndikanyele utixo opezulu.
29Ukuba ndigcobile engozini yobenditiya, ndaza ndavuyelela kwakumfumana ububi; 30(kanti umlomo wam andiwuvumanga wone, ngokunywebelela umpefumlo wake:) 31ukuba abantu bentente yam abatshongo ukuti: Ngubanina ongaxelayo umntu ongahlutiswanga yinyama yake? 32(akalalisa ngapandle owasemzini; ingcango zam ndazivulela umhambi:) 33ukuba ndite njengo‐Adame ndagubungela isigqito sam, ngokufihla inkohlakalo yam esifubeni sam: 34oko, mandinkwantye isihlwele esikulu, nokudela kwezizalwane makundimatise; ewe, manditi cwaka, ndingapumi elucangweni.
35Akwaba bendinoya kundiva! Nalu upau lwam! usomandla makandipendule; nommangeleli wam makaba̔le incwadi. 36Ngenyaniso ndinga ndiyitwala pezu kwegxalaba lam; ngendiyibopa njengesitsaba kum. 37Ngendimxelela inani lamanyatela am; njengenkosi ngendisondela kuye.
38Ukuba umhlaba wam uyakala ngakumi, nemisele yawo iyalila kunye; 39ukuba ndizidlile iziqa̔mo zawo kungeko imali, nabalimi bawo ndibaqaukisile umpefumlo: 40makupume inkanga esikundleni senqolowa, nokula esikundleni seṙalasi.
Amazwi ka‐Jobi apelile.