U‐Yisaya 16
1Tumani imvana kumpati welizwe, kutabata e‐Sela kude kube sentlango, entabeni yentombi yase‐Ziyone. 2Ngokuba kuya kuti, njengentaka ebadulayo, eku̔tshiweyo endlwini yayo, intombi zase‐Mowabi zoba njalo emazibukweni ase‐Arenone, zisiti: 3Nikani icebo; yenzani ukwahlula; beka isitunzi sako njengobusuku pakati kwemini enkulu; fihla abagxotiweyo; osabileyo ungamtyili. 4Mabapambukele kuwe abagxotiweyo base‐Mowabi; ube yindawo yokufihlela kubo ebusweni bomfaci: ngokuba umbandezeli eya kupela, ukufaca kuya kugqitywa, abo basinyatelayo bobujiswa elizweni. 5Kukona iterone iya kuqiniswa ngobubele; kwakuya kuhlala pezu kwayo ngenyaniso, ententeni ka‐Davide, umgwebi, ofuna ubugwebo, onxamela ubulungisa.
6Sivile ir̔atshi lika‐Mowabi, (uner̔atshi kakulu,) ukuzidla kwake, nokuqanqalaza kwake, nokukukumala kwake: ziyinto engendawo ilwimi zake. 7Ngako oko i‐Mowabi yolilela i‐Mowabi, yona yonke iya kulila; ngenxa yemisekelo ye‐Kire‐haresete niya kuncwina, nikedamile kanye. 8Ngokuba amasimi ase‐Heshebone ebunile; umti weveyine wase‐Sibama inkosi zezizwe zapule amasebe awo adumileyo; afikelela e‐Yahezere; alahlekela entlango; amahlumelo awo azandlele, agqitela elwandle. 9Ngako oko ndiya kulilela umti weveyine wase‐Sibama ngokulila kwabase‐Yahezere; ndokunyela ngenyembezi zam, Heshebone, ne‐Elehale! ngokuba pezu kweziqa̔mo zehlobo zako napezu kwokuvuna kwako umemezo lwokulwa luwile. 10Kususiwe uvuyo nomgcobo entsimini ecu̔mileyo; nasemiyezweni akuko ukucula, akuko ukudanduluka; umxovuli akaxovuleli iveyine ezincinezelweni; umemezo lwokuvuya ndilupelisile. 11Ngako oko amatumbu am ohlokoma njengohadi ngenxa ye‐Mowabi, nombilini wam ngenxa ye‐Kire‐harese. 12Kwakuya kuti, okuya abonakele u‐Mowabi, okuya uzidinisile pezu kwendawo epakamileyo, waza wangena endaweni eyingcwele yake ukutandaza, akayi kweyisa noko.
13Eli lilizwi elitetiweyo nguyehova ngo‐Mowabi kudala; 14kodwa kaloku uyehova utetile ngokuti: Pakati kweminyaka mitatu, njengeminyaka yomqashwa, ababungcwalisa bakwa‐Mowabi baya kudelwa, kunye nabo bonke abasihlwele esikulu; nesisalela sona soba sincinane kunene, singenamandla.
Bible Society of South Africa 1902