Umshumayeli 1
ISAHLUKO I.
1AMAZWI omshumayeli, unyana ka‐Davide, ukumkani e‐Yerusaleme.
2Okungendawo kwokungendawo, utsho umshumayeli, okungendawo kwokungendawo; konke kokungendawo. 3Unenzuzo yanina umntu ngawo wonke umzamo wake azama ngawo ngapantsi kwelanga? 4Esinye isizukulwana siyemka, nesinye isizukulwana siyeza; kodwa umhlaba umi kude kube ngunapakade. 5Ilanga nalo liyapuma, ilanga kanjalo liyatshona, linxamela endaweni yalo apo lipuma kona. 6Umoya uya ngasesuyide, uyajikela ngasenode; uyamana uzunguleza, uze umoya ubuyele kuzo injikelezelo zawo. 7Yonke imilambo iya elwandle; ulwandle aluzele noko; londawo imilambo iya kuyo, ibuya iye kona kanjako. 8Onke amazwi anokudinwa; uti umntu akohlwe kuwateta; iliso alincanyiswa kukubona, nendlebe ayizaliswa kukuva. 9Lonto ebise iko, yileyo esaya kubako; naleyo ese yenziwe, yileyo esaya kwenziwa: akuko nanto entsha ngapantsi kwelanga. 10Kuko into na ekungatiwa ngayo: Bona ke, yinto entsha le? Ibise iko kade, ngamaxesha akudala abepambili kuti. 11Akuko inkunjulwa yezinto zamatanci; kanjalo nezinto zasemva eziza kubako, akuyi kubako inkunjulwa yazo pakati kwabo abaya kuza mva.
12MNA, mshumayeli, bendingukumkani pezu kwo‐Sirayeli e‐Yerusaleme. 13Ndaza ndanikela intliziyo yam ukufuna nokupanda ngobulumko konke okwenziwayo ngapantsi kwezulu: lomsebenzi onzima utixo uwunikile konyana babantu, ukuba bazisebenzise ngawo.
14Ndagqala yonke imisebenzi eyenziwayo ngapantsi kwelanga; kekaloku bona ke, yonke ikokungendawo nokukatazeka kwomoya. 15Okugotyiweyo akungelungiswe; nokuswelekileyo akungebalwe.
16Ndateta nentliziyo yam, ndisiti: Mna, bona ke, ndandisile kakulu ubulumko ngapezu kwabo bonke abebeko pambili kum pezu kwe‐Yerusaleme; ewe, intliziyo yam ikolisile ukugqala ubulumko nokwazi. 17Ndaza ndanikela intliziyo yam ukwazi ubulumko, nokwazi ubugeza nobudenge: ndaqonda ukuba oku nako kukukatazeka kwomoya. 18Ngokuba ebuninzini bobulumko kuko ubuninzi benkatazo; nalowo owandisayo ukwazi, uyandisa ubuhlungu.
Bible Society of South Africa 1902