ISAHLUKO I.
1KWAYE kute emva kwokufa kuka‐Saule, nxa u‐Davide abebuyile ekubulaweni kwama‐Amaleki, nanxa u‐Davide abehleli imihla mibini e‐Tsiki lage; 2kwaye kute kwa ngomhla wesitatu, ukuba, bona ke, indoda yavela emkosini ku‐Saule, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo: kwati ke, ekuzeni kwayo ku‐Davide, yawa ngasemhlabeni, yaziqubuda. 3Waza u‐Davide wati kuyo: Uvela pina? Yati kuye: Ndisindile emkosini wama‐Sirayeli. 4Wati u‐Davide kuyo: Kwehla nto nina? ndixeleleke. Yayisiti: Abantu besabile ekulweni; kanjako kuwile abaninzi kubo abantu, batile; no‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, bafile nabo.
5Walekela u‐Davide wati kuyo indodana ebimxelele: Wazi nganina, ukuba u‐Saule ufile, no‐Jonatane unyana wake? 6Yaza indodana ebimxelele yati: Ndahla ndafika entabeni ye‐Giliboha; kekaloku nanku u‐Saule esimelele ngentshuntshe yake; kanjalo, bona ke, inqwelo nabakweli bamahashe bebemputuma ngokuti nama; 7wati akubeka ngasemva kwake, wandibona, wandibiza; ndaza ndati: Nanku ndilapa. 8Waza wati kum: Ungubanina? Ndati kuye: Ndingum‐Amaleki. 9Wati kum kanjalo: Yima ke pezu kwam, undifise, ngokuba isizunguzane sindibambile; ngokuba ubomi bam busebonke pakati kwam. 10Ndaza ndema pezu kwake, ndamfisa, ngokuba bendisazi ukuba akayi kupila emva kwokuwa kwake; ndaye nditabata ikrone ebisentlokweni yake, nesacolo esibe sisengalweni yake, endizizisileyo enkosini yam apa.
11Wandula u‐Davide wabamba ingubo zake, waziṙazula; kwa nawo onke amadoda abenaye; 12baza benza isijwili, balila, bazila ukutya kwada kwahlwa, ngenxa ka‐Saule, nangenxa ka‐Jonatane unyana wake, nangenxa yabantu bakayehova, nangenxa yendlu ka‐Sirayeli, ngokuba bebewile ngeṙele.
13Wabuya u‐Davide wati kuyo indodana ebimxelele: Uvela pina? Yati: Ndingunyana womntu wasemzini, um‐Amaleki. 14Waza u‐Davide wati kuyo: Yinina ukuba ubungoyiki ukwolula isandla sako ukumbulala umtanjiswa kayehova? 15Wandula u‐Davide wayibiza enye kumadodana, wati: Sondela, yiwele. Yaza yayibeta, yada yafa. 16Waye u‐Davide esiti kuyo: Igazi lako malibe pezu kweyako intloko; ngokuba umlomo wako unqi̔nile ngakuwe, usiti: Mna ndimfisile umtanjiswa kayehova.
17Kekaloku u‐Davide wenza isililo esi pezu kwo‐Saule, napezu kwo‐Jonatane unyana wake: 18(wayexela ukuba usapo luka‐Juda malufundiswe isi‐Peta; bona ke, siba̔liwe encwadini ka‐Yashere:) 19Buhle buka‐Sirayeli, buhlatyiwe pezu kwenduli zako! hai ukuwa kwamaṙoti! 20Ningaxeleli e‐Gate, ningashumayeli ezitarateni ze‐Ashekelone; hleze zivuye intombi zama‐Filistiya, hleze zigcobe intombi zabangalukileyo. 21Nina zintaba zase‐Giliboha? makungabiko umbete, makungabiko nemvula pezu kwenu, kwa namasimi eminikelo: ngokuba kona apo bekulahlwa ikaka lamaṙoti, ikaka lika‐Saule, njengokungati ebengenguye otanjisiweyo ngeoli. 22Isipeta sika‐Jonatane asihlehlanga ngomva, neṙele lika‐Saule alibuyanga zé, kulo igazi labahlatyiweyo, kulo inqata lamaṙoti. 23U‐Saule no‐Jonatane bebengabatandekayo nabamnandi ekudleni kwabo ubomi, nasekufeni kwabo bebengahlukene: bebenamendu ngapezu kwenkozi, bebenamandla ngapezu kwengonyama. 24Zintombi zakwa Sirayeli! lilelani u‐Saule, obenivatisa ngesibomvu kunye neziyoliso, owafaka izihombo zegolide pezu kwokuvata kwenu. 25Hai ukuwa kwamaṙoti pakati kwokulwa! Jonatane, uhlatyiwe pezu kwenduli zako. 26Kubuhlungu kum ngenxa yako, mzalwana wam Jonatane! ubumnandi kum kakulu; utando lwako lube lungummangaliso kum, lupezu kwotando lwabafazi! 27Hai ukuwa kwamaṙoti, nokutshabalala kwezixo̔bo zemfazwe!