Eyokuqala ka‐Samyali 31
1KEKALOKU ama‐Filistiya alwa no‐Sirayeli; aza amadoda akwa‐Sirayeli esaba pambi kwama‐Filistiya, awa ehlatyiwe entabeni ye‐Giliboha. 2Asuka ama‐Filistiya ati nama ukulandela u‐Saule nonyana bake; ada ama‐Filistiya abulala u‐Jonatane, no‐Abinadabi, no‐Maleki‐shuha, onyana baka‐Saule. 3Kwabekunzima ke ukulwa ngakuye u‐Saule, ati amadoda abetola ngesipeta amcana; waza watutumela kakulu ngenxa yabatoli. 4Wandula u‐Saule wati kumtwali wezixo̔bo zake: Ṙola iṙele lako, undihlabe ngalo; hleze aba bangalukileyo beze, bandihlabe, badlale ngam. Kodwa umtwali wezixo̔bo zake ebengavumi; ngokuba ebesoyika kakulu. Waza u‐Saule watabata iṙele, wawa pezu kwalo. 5Wati umtwali wezixo̔bo zake, akubona ukuba u‐Saule ufile, wawa naye pezu kweṙele lake, wafa kunye naye. 6Kwa njalo wabuba u‐Saule, nonyana bake bobatatu, nomtwali wezixo̔bo zake, nawo onke amadoda ake, ngalomini kwa kunye.
7Ati akubona amadoda akwa‐Sirayeli abenganeno kwomhlambo, nabenganeno kwe‐Yoredane, ukuba amadoda akwa‐Sirayeli esabile, nokuba u‐Saule nonyana bake bafile, andula ashiya izixeko, esaba; ati ama‐Filistiya eza ahlala kuzo.
8Kwaye kute ngomnye umhla, akufika ama‐Filistiya ukuhluba abahlatyiweyo, afumana u‐Saule nonyana bake bobatatu belele entabeni ye‐Giliboha. 9Aza anqumla intloko yake, ahluba izixo̔bo zake, atumela ezweni lama‐Filistiya elingqongayo, ukushumayela endlwini yezitixo zawo nasebantwini. 10Kekaloku izixo̔bo zake azibeka endlwini ka‐Hashetorete, nesidumbu sake asibetela eludongeni lwase‐Bete‐shane. 11Bati bakuva abemi base‐Yabeshe‐gileyadi oko akwenzileyo ama‐Filistiya ku‐Saule, 12bandul’ ukusuka bonke abangamaṙoti, bahamba bonke ubusuku, batula isidumbu sika‐Saule, nezidumbu zonyana bake, eludongeni lwase‐Bete‐shane, beza e‐Yabeshe, bazitshisa kona. 13Baza batabata amatambo abo, bawancw̔aba ngapantsi kwomti wetamariske e‐Yabeshe, bazila ukutya intsuku zasixe̔nxe.
Bible Society of South Africa 1902