Eyokuqala ka‐Samyali 29
1KEKALOKU ama‐Filistiya ebehlanganisile yonke imikosi yawo e‐Afeki; nama‐Sirayeli wona abete waca ngasemtonjeni ose‐Yezerele. 2Zaza inkosi zama‐Filistiya zadlula ngamakulu nangamawaka; kodwa u‐Davide namadoda ake badlula ngasemva kunye no‐Akishe. 3Zandula inkosi zama‐Filistiya zati: Afuna nto nina ama‐Hebere la? Wayesiti u‐Akishe kuzo inkosi zama‐Filistiya: Lo asi nguye na u‐Davide, isicaka sika‐Saule ukumkani wo‐Sirayeli, obeko nam ngalemihla, umhlaumbi ngaleminyaka? ndandingafumananga nto kuye, kwa semhleni wokupongoma kwake kwada kwanamhla nje. 4Koko inkosi zama‐Filistiya zaqumba ngakuye; zaza inkosi zama‐Filistiya zati kuye: Buyisa londoda, iye ibuyele endaweni yayo, apo uyimisele kona, ukuba ingehli nati ukuya ekulweni, ize ingabi ngumalane kuti ekulweni; ngokuba kunganto nina aya kuzikolekisa lo enkosini yake? akungazo intloko zalamadoda na? 5Lo asi nguye na u‐Davide, ababevuma ngaye emidudweni, besiti: u‐Saule ubulele amawaka ake, kodwa u‐Davide amawaka ake alishumi?
6Wandula u‐Akishe wambiza u‐Davide, wati kuye: Ehleli nje uyehova, ulungelelene wena; kanjalo ukupuma kwako nokungena kwako kunye nam emkosini kulungile emehlweni am; ngokuba ndingafumananga inkohlakalo kuwe, kwa semhleni wokuza kwako kum kude kwanamhla nje: noko emehlweni azo inkosi akulungile wena. 7Ngako kaloku buya, uhambe ngoxolo, ukuba ungenzi okubi emehlweni enkosi zama‐Filistiya. 8Waza u‐Davide wati ku‐Akishe: Yinto nina pofu endiyenzileyo? yinto nina kanjalo uyifumeneyo kwisicaka sako, kwa semhleni bendisebusweni bako ngawo kude kwanamhla nje, ukuba ndingayi ndilwe ngakuzo intshaba zenkosi yam ukumkani? 9Wapendula u‐Akishe wati ku‐Davide: Ndiyazi ukuba ulungile wena emehlweni am, njengengelosi katixo: kodwa inkosi zama‐Filistiya zite: Akayi kunyuka nati ukuya ekulweni. 10Ngako kaloku, vuka kusasa ngomso, nezicaka zenkosi yako ezibe zisiza nawe; niti nakuba nivukile kusasa ngomso, nxa kunikanyeleyo, nandule nimke.
11Waza u‐Davide wavuka kusasa, yena namadoda ake, ukuba bemke kusasa ukuya kubuyela ezweni lama‐Filistiya. Ati ama‐Filistiya enyuka aya e‐Yezerele.
Bible Society of South Africa 1902