Eyokuqala ka‐Samyali 27
1WADA u‐Davide wati entliziyweni yake: Kaloku ndiya kububa omnye umhla ngesandla sika‐Saule; akuko nto endilungeleyo, kupela ndinxame ndisindele elizweni lama‐Filistiya, ati u‐Saule ancame ngam, ayeke ukundifuna kanjako kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli; kwa njalo ndiya kusinda esandleni sake. 2Wandula wesuka u‐Davide, wagqita, yena namadoda angamakulu matandatu abenaye, waya ku‐Akishe, unyana ka‐Mahoke, ukumkani we‐Gate. 3Waye u‐Davide wahlala no‐Akishe e‐Gate, yena namadoda ake, abanye ngabanye benabendlu yabo; u‐Davide enabafazi bake bobabini, u‐Ahinohame um‐Yezerelekazi, no‐Abigali um‐Karamelekazi, umfazi ka‐Nabali. 4Kwaza kwaxelelwa u‐Saule ukuba u‐Davide usabele e‐Gate; ngako akasapinda ukumfuna.
5Wayesiti u‐Davide ku‐Akishe: Ukuba ke ndifumene ufefe emehlweni ako, makunikwe kum indawo kwesinye sezixeko zangapandle, ukuba ndihlale kona; ngokuba kunganina ukuba isicaka sako sihlale esixekweni sobukumkani ndawonye nawe? 6Wandula u‐Akishe wamnika ngalomhla i‐Tsikilage; kukona i‐Tsikilage ilunge kubo okumkani bo‐Juda kude kwanamhla nje. 7Laye inani lemihla u‐Davide ebehlala ngayo ezweni lama‐Filistiya lingumnyaka mnye nenyanga zine.
8Kekaloku wenyuka u‐Davide, namadoda ake, baya bagaleleka pezu kwama‐Geshure, nama‐Gezere, nama‐Amaleki; ngokuba wona ebengabemi belozwe kudala, njengokuba kuyiwa e‐Shure, nakude kube kulo ilizwe le‐Jipete. 9Waza u‐Davide wabeta ilizwe elo, akalondoloza ebomini nendoda nomfazi; kanjako watabata igusha, nenkomo, namaqwaṙashe, nenkamela, nezivato, wada wabuya, weza ku‐Akishe. 10Wandula wati u‐Akishe: Nigalelekile ngapina namhla? Wati ke u‐Davide: Ngasesuyide yakwa‐Juda, nangasesuyide yama‐Jeramele, nangasesuyide yama‐Keni. 11Waye u‐Davide engalondolozanga ebomini nendoda nomfazi, ukubazisa e‐Gate, esiti: Hleze baxele ngati ukuti: Wenje njalo u‐Davide. Laye linjalo isiko lake yonke imihla abehlala elizweni lama‐Filistiya. 12Waza u‐Akishe wakolwa ngu‐Davide, esiti: Ugqibele ukuzinukisa pakati kwabantu bake, pakati kwo‐Sirayeli; ngako woba sisicaka sam ngamaxa onke.
Bible Society of South Africa 1902