1Walekela wati u‐Davide ukumkani kuyo yonke intlanganiso: u‐Solomone unyana wam, okupela kwonyuliweyo ngutixo, ungumfana, utambile; kanti umsebenzi umkulu: ngokuba itempile le asi yeyabantu, ye kayehova ongutixo. 2Mna ke, ngawo onke amandla am, sendilungisele indlu katixo wam igolide ibe yeyokwegolide, nesilivere ibe yeyokwesilivere, nexina ibe yeyokwexina, isincete sibe sesokwesincete, nemiti ibe yeyokwemiti; amatye esadonutse, namatye okufakwa, amatye abengezelayo, nawamabala ngamabala, namatye onke anqabileyo, namatye amhlope ngento eninzi. 3Nakanjako, ngokutanda kwam indlu katixo wam, kuko kum indyebo, igolide nesilivere, endiyinikele indlu katixo wam, ngapezu nangapandle kwako konke ndikulungisele indlu eyingcwele: 4amawaka matatu etalente zegolide, kwigolide yase‐Ofire, namawaka asixe̔nxe etalente zesilivere ecokisiweyo, ukuze kwalekwe indonga zezindlu; 5igolide ibe yeyokwegolide, nesilivere ibe yeyokwesilivere, neyemisebenzi yonke eya kwenziwa ngezandla zencibi. Ngubanina ke ovumayo ukuzalisa isandla sake namhla kuye uyehova?
6Zaza zanika ngokuvuma inkosi zendlu zoyise, nenkosi zezizwe zo‐Sirayeli, nenkosi zamawaka nezamakulu, kwa nenkosi zomsebenzi wokumkani; 7zaye zinikela inkonzo yendlu katixo italente zegolide ezimawaka mahlanu, nedarike ezimawaka alishumi ngapandle, netalente zesilivere ezimawaka alishumi, netalente zexina ezimawaka alishumi linesibozo, netalente zesincete ezimawaka alikulu. 8Kanjalo abo bekufunyanwa kubo amatye anqabileyo, bawanika endyetyeni yendlu kayehova, ngesandla sika‐Yehili um‐Gereshone. 9Baza bavuya abantu pezu kwokunika kwabo ngokuvuma, ngokuba bekungentliziyo ekolisekileyo bebenikile ngokuvuma kuyehova; no‐Davide ukumkani wavuya naye ngovuyo olukulu.
10Ngako u‐Davide wambonga uyehova emehlweni ayo yonke intlanganiso; wayesiti u‐Davide: Maubongwe wena, Yehova, Tixo wobawo wetu u‐Sirayeli, kude kube ngunapakade! 11Bobako, Yehova! ubukulu, namandla, nobungcwalisa, nolwoyiso, nobungangamsha; ngokuba kukokwako konke okusezulwini nokusemhlabeni; bobako, Yehova! ubukumkani, opakamileyo uyintloko pezu kwonke. 12Ubutyebi nodumo luvela kuwe; wena uyapata ubukosi pezu kwonke; esandleni sako kuko ukwomelela namandla; kusesandleni sako ukukwenza kukulu nokukwomeleza konke. 13Siti ke kaloku, Tixo wetu! sibulele kuwe, sidumise igama lako elibungcwalisa. 14Kodwa mna ndingubanina, nabantu bam bangobanina, ukuba sibe namandla okunika ngokuvuma njengoku? ngokuba zivela kuwe izinto zonke, nakokwesako isandla sinikile kuwe. 15Ngokuba singabasemzini ebusweni bako, namaṙanuka, njengobawo betu bonke; inga isisitunzi imihla yetu emhlabeni apa, akuko itemba. 16Yehova, Tixo wetu! bonke ubutyebi obu esibulungisileyo, ukuba sikwakele indlu ngenxa yegama lako elingcwele, buvela bona esandleni sako, bubobako bonke. 17Ndiyazi kanjako, Tixo wam! ukuba uyalinga intliziyo, nokuba uyatanda okulungeleleneyo. Mna, ngolungelelwano lwentliziyo yam, ndizinikile zonke ezizinto ngokuvuma; nakaloku, abantu bako, abakoyo apa, ndibabonile ngovuyo ukuba banike ngokuvuma kuwe. 18Yehova, Tixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli, obawo betu! kugcine oku ekucingeni kwenkumbulo zentliziyo zabantu bako kude kube ngunapakade, ubekise intliziyo zabo ngakuwe: 19no‐Solomone unyana wam umpe intliziyo ekolisekileyo, yokuba abambe imiyalelo yako, nezinqi̔nelo zako, nezimiselo zako, akwenze oku konke, ayake letempile endilungisele yona.
20Waza wati u‐Davide kuyo yonke intlanganiso: Bongani ke uyehova, utixo wenu! Yandula yonke intlanganiso yambonga uyehova, utixo woyise babo, batoba ngapantsi, baziqubuda pambi kwoyehova, napambi kwokumkani. 21Bati kwakusa umhla olandelayo, babingela uyehova imibingo, banikela amadini okutshiswa kuyehova, iwaka lenkunzana zenkomo, newaka lenkunzi zegusha, newaka lemvana, kunye neminikelo yokusela yazo, nento eninzi yemibingelelo ngenxa yo‐Sirayeli bonke: 22badla basela nokusela ebusweni bukayehova ngalomhla ngomgcobo omkulu.
BAZA bamenza u‐Solomone unyana ka‐Davide ukumkani ngokwesibini, batambisa yena pambi kwoyehova ukuba yinkosi, no‐Tsadoki ukuba ngumperisite. 23Wandula u‐Solomone wahlala pezu kweterone kayehova, engukumkani esikundleni sika‐Davide uyise, wahambiseka; bati o‐Sirayeli bonke bampulapula. 24Kanjalo zonke inkosi, namagoṙa, kwa nabo bonke onyana bokumkani u‐Davide, banika isandla sokuba babe ngapantsi kwo‐Solomone ukumkani. 25Waza uyehova wamenza mkulu u‐Solomone ngento egqitiseleyo emehlweni o‐Sirayeli bonke, wabeka pezu kwake ubungangamsha bobukumkani, obekungabangako obunjalo pezu kwomnye ukumkani obepambili kuye kwa‐Sirayeli.
26Kwa njalo u‐Davide unyana ka‐Jese wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke. 27Ixesha wabepata ubukumkani ngalo pezu kwo‐Sirayeli beliyiminyaka imashumi mane: e‐Hebrone wapata ubukumkani iminyaka yasixenxe; nase‐Yerusaleme wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamitatu. 28Wada wabuba enobudala obukolisileyo, ezele yimihla, nobutyebi, nodumo; waza u‐Solomone unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
29Kekaloku imicimbi ka‐Davide ukumkani, eyokuqala neyokupela, bona ke, iba̔liwe yona emazwini ka‐Samyali umboni, nasemazwini ka‐Natane umprofite, nasemazwini ka‐Gadi umboni, 30kunye nako konke okwobukumkani bake namandla ake, nokwamaxesha abedlule pezu kwake, napezu kwo‐Sirayeli, napezu kwabo bonke ubukumkani bamazwe.