1WANDULA u‐Davide wazihlanganisela e‐Yerusaleme zonke inkosi zakwa‐Sirayeli, inkosi zezizwe, nenkosi zezahlulo ezamkonzayo ukumkani, nenkosi zamawaka, nenkosi zamakulu, nabapati pezu kwayo yonke impahla nemfuyo yokumkani neyonyana bake, kunye nababusi, namagoṙa, nawo onke amadoda akalipileyo.
2Waza u‐Davide ukumkani wapakama pezu kwenyawo zake, wati: Ndipulapuleni, bazalwana bam, nabantu bam! Mna bekusentliziyweni yam ukwakela ityeya yocebano lukayehova, nesitulo senyawo zotixo wetu, indlu yokupumla, ndaye ndise ndilungisele ukwaka; 3kodwa utixo wati kum: Akuyi kwakela igama lam indlu, ngokuba wena uyindoda yemfazwe, negazi ulipalazile. 4Noko, uyehova, utixo wo‐Sirayeli, wandinyula kuyo yonke indlu kabawo, ukuba ndibe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade: ngokuba ebenyule u‐Juda abe yinkosi; napakati kwendlu ka‐Juda, wanyula indlu kabawo; napakati kwonyana bakabawo, wanditanda mna ukuba andenze ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke; 5nakubo bonke onyana bam, (ngokuba uyehova endipile onyana abaninzi,) umnyulile u‐Solomone unyana wam, ukuba ahlale pezu kweterone yobukumkani bukayehova pezu kwo‐Sirayeli. 6Wayesiti kum: u‐Solomone unyana wako, nguye oya kwaka indlu yam namabala am: ngokuba ndimnyulile yena abe ngunyana kum, nam ndiya kuba nguyise kuye: 7kanjako ndobuqinisa ubukumkani bake kude kube ngunapakade; ukuba uya kwomelelela ukwenza imiyalelo yam nezigwebo zam njengokuba kunjalo namhla nje. 8Ngako kaloku, emehlweni o‐Sirayeli bonke, intlanganiso kayehova, nasezindlebeni zotixo wetu, gcinani nifune nokufuna yonke imiyalelo kayehova, utixo wenu; ukuze nilifuye elilizwe lilungileyo, nilishiyele abantwana benu emva kwenu libe lilifa kude kube ngunapakade.
9Nawe, Solomone, nyana wam! yazi ke utixo kayihlo, umkonze ngentliziyo ekolisekileyo, nangompefumlo ovumayo: ngokuba uyehova ebuza intliziyo zonke, nako konke ukucinga kwenkumbulo nyakuqonda: ukuba uyamfuna, wofunyanwa nguwe; kanti ukuba uyamshiya, wokulahla kude kube ngunapakade. 10Lumka kaloku; ngokuba uyehova ekunyulile ukuba uyake indlu ibe yindawo eyingcwele: yomelela, wenze ke.
11Waza u‐Davide wamnika u‐Solomone unyana wake umfanekiselo wentendelezo, nowezindlu zayo, nowendawo zokubekela zayo, nowenkambili zayo zapezulu, nowenkambili zayo zapakati, nowendawo yesihlalo sofefe; 12nomfanekiselo wako konke abenako ngomoya, owamabala endlu kayehova, nowazo zonke inkambili ezingqongayo, owendawo zendyebo zendlu katixo, nowendawo zokubekela zezinto ezingcwele; 13nowezahlulo zabaperisite nezaba‐Levi, nowawo wonke umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, nowazo zonke impahla zenkonzo yayo indlu kayehova. 14Wamnika igolide ngesilinganiswa ibe yeyezinto zegolide, ibe yeyempahla zonke zenkonzo ngenkonzo; nesilivere ibe yeyempahla zonke zesilivere ngesilinganiswa; ibe yeyempahla zonke zenkonzo ngenkonzo: 15nesilinganiswa sekandelare zegolide nezibane zegolide zazo, ngesilinganiswa sekandelare ngekandelare nezibane zayo; nesekandelare zesilivere, ngesilinganiswa sekandelare nezibane zayo, njengenkonzo yekandelare ngekandelare: 16negolide ngesilinganiswa ibe yeyetafile zezonka zokuṙozwa itafile ngetafile; nesilivere ibe yeyetafile zesilivere; 17negolide ecocekileyo ibe yeyeforoke, neyezitya zokufefela, neyendebe; negolide ibe yeyebekile zegolide, ngesilinganiswa sebekile ngebekile; nesilivere ibe yeyebekile zesilivere, ngesilinganiswa sebekile ngebekile; 18negolide ecokisiweyo ngesilinganiswa ibe yeyesibingelo sesiqumiso; negolide ibe yeyomfanekiselo wenqwelo yekerubime ezitwabululayo amapiko azo, zigubungela ityeya yocebano lukayehova. 19Oku konke, watsho u‐Davide, undiqondisile ngesiba̔lo sivela esandleni sikayehova pezu kwam, kwa yonke imisebenzi yalomfanekiselo.
20Wati u‐Davide kanjalo ku‐Solomone unyana wake: Yomelela, ukalipe, wenze ke; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa: ngokuba uyehova ongutixo, utixo wam, enawe; akayi kukuncama, akayi kukushiya, ude ugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova. 21Bona ke, kuko izahlulo zabaperisite nezaba‐Levi, ngenxa yayo yonke inkonzo yendlu katixo; nakunye nawe, kuyo yonke imisebenzi, kuko bonke abalungile ngobulumko, ngenxa yentlobo zonke zenkonzo: kanjako inkosi nabo bonke abantu bopulapula onke amazwi ako.