Bible Society of South Africa

When hope fails us – 8 December 2020

By Hennie Symington

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 11

16“Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:

UMATEWU 12

Imfundiso kaYesu malunga noMhla wokuPhumla

(Marko 2:23-28; Luka 6:1-5)

1Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya. 2*AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”

3Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? 4Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo. 5Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko? 6Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu. 7Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala. 8Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.”

Ukuphiliswa kowome isandla

(Marko 3:1-6; Luka 6:6-11)

9Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo. 10Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”

11Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na? 12Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.” 13Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”

Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye. 14Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu. 15Ekwazile oko, uYesu wemka apho.

Esona siCaka sikaThixo

UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke, 16ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye, 17ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:

18“Naso isiCaka sam endisinyulileyo,

eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.

Ndosifaka uMoya wam,

sizazise isigwebo iintlanga.

19Asiyi kuba nephike sikhwaze,

lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.

20Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,

nesibane esilozizayo asiyi kusicima.

Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.

21Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”

UYesu uyaphoxwa

(Marko 3:20-30; Luka 11:14-23)

22Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona. 23Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”

24Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”

25UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela. 26Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe? 27Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. 28Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni.

29“Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.

30“Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha. 31Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa. 32Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.”

Umthi neziqhamo zawo

(Luka 6:43-45)

33“Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo. 34Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko. 35Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.

36“Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha. 37Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”

Umqondiso kaJona

(Marko 8:11-12; Luka 11:29-32)

38Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”

39Wabaphendula wathi kubo: “Sisizukulwana esikhohlakeleyo, esikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona; 40kuba njengokuba uJona wayemihla mithathu nabusuku buthathu esiswini sesilo esikhulu solwandle, wothi naye *uNyana woLuntu abe mihla mithathu nabusuku buthathu emathunjini omhlaba. 41Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu. 42Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”

Ukubuya kwendimoni

(Luka 11:24-26)

43“Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna indawo yokuphumla; ize yakuba ingayifumani, 44isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane izé, itshayelwe, ilungisiwe; 45ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”

Ezona zizalwana zikaYesu

(Marko 3:31-35; Luka 8:19-21)

46Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye. 47Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”

48Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” 49Esalatha abafundi bakhe ngesandla, wathi: “Nanku umama, naba abantakwethu. 50Kaloku lowo uyenzayo intando kaBawo osezulwini nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

UMATEWU 13

Umzekeliso ngomhlwayeli

(Marko 4:1-9; Luka 8:4-8)

1Kwangaloo mini uYesu waphuma endlwini, waya kuhlala ngaselwandle. Sahlanganisana ngakuye isihlwele, 2saba sikhulu kangangokuba yena waya kukhwela esikhitshaneni, wahlala kuso. Isihlwele sona sema elunxwemeni.

3UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba. 5Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. 6Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. 7Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa. 8Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. 9Oneendlebe zokuva makeve.”

Injongo yemizekeliso

(Marko 4:10-12; Luka 8:9-10)

10Beza kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Kutheni na ukuba uthethe nabo ngemizekeliso?”

11Waphendula wathi: “Kungenxa yokuba nina nikunikiwe ukuzazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa bona abakunikwanga. 12Lowo unako uya kunikwa, abe nako nangaphezulu; kodwa lowo ungenako uya kuhluthwa kwanoko anako. 13Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso. Kaloku bebona nje, ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi nakuqonda. 14Kwenzeka kubo njengoko *umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:

“ ‘Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;

nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

15Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,

bazivingcile iindlebe zabo, bawavala namehlo abo.

Kungenjalo babeya kubona,

beve ngeendlebe zabo, baqonde ngeengqondo zabo,

baze babuyele kum, ndize ndibaphilise.’

16“Kodwa nina ninoyolo, kuba ninamehlo abonayo, kwaneendlebe ezivayo. 17Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”

Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli

(Marko 4:13-20; Luka 8:11-15)

18“Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli. 19Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni. 20Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. 21Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko. 22Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo. 23Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”

Umzekeliso ngokhula

24Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe. 25Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. 26Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula. 27Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’ 28Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’ 29Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa. 30Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”

Umzekeliso ngokhozo lwembewu yemostade

(Marko 4:30-32; Luka 13:18-19)

31Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe. 32Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.”

Umzekeliso ngegwele

(Luka 13:20-21)

33UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.”

UYesu uyazekelisa

(Marko 4:33-34)

34Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso. 35Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi:

“Ndiya kuthetha ngemizekeliso,

ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.”

Ingcaciso yomzekeliso ngokhula

36Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.”

37Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu. 38Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo. 39Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu. 40Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade. 41UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho, 42zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka. 43Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.”

Umzekeliso ngobutyebi obufihlwe entsimini

44“Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”

Umzekeliso ngeperile exabisekileyo

45“Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle, 46othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.”

Umzekeliso ngomnatha

47“Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi; 48ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa. 49Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo, 50zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.”

Okutsha nokudala

51UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?”

Baphendula bathi: “Ewe.”

52Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

(Marko 6:1-6; Luka 4:16-30)

53Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho. 54Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona? 55Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda? 56Noodade wabo àbahlali apha bonke na? Ngaba lo mntu uzifumene phi zonke ezi zinto?” 57Ngenxa yale nto ke bambukula.

Waza uYesu wathi kubo: “Kakade umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukwelakowabo kuphela, ekhayeni lakhe, apho angayifumani khona.” 58Ngenxa yokungakholwa kwabo akenzanga mimangaliso mininzi apho.

UMATEWU 14

Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi

(Marko 6:14-29; Luka 9:7-9)

1Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu, 2waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.”

3Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe. 4UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye. 5UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo.

6Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode, 7waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela. 8Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.” 9Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe; 10wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho. 11Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina. 12Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu.

UYesu wandisa ukutya

(Marko 6:30-44; Luka 9:10-17; Yoh 6:1-14)

13UYesu, evile ngokufa kukaYohane, wemka ngesikhitshana, waya kwindawo engenabantu eyedwa. Bekuvile oku abantu, baya kuye ngeenyawo, bevela ezidolophini. 14Ehlile ke esikhitshaneni, uYesu wabona isihlwele sabantu, wavelana naso, wabaphilisa abagulayo ababekuso.

15Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.”

16Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.”

17Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”

18Wathi: “Ziziseni apha.” 19Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu. 20Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. 21Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

(Marko 6:45-52; Yoh 6:15-21)

22Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. 23Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho. 24Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.

25Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle. 26Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika. 27Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”

28Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”

29UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu. 30Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”

31Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?”

32Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya; 33baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”

UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete

(Marko 6:53-56)

34Beluwelile uLwandle lwaseGalili, bâfika ezweni laseGenesarete. 35Amqonda amadoda alapho ukuba nguYesu, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke abagulayo, 36ambongoza okokuba abagulayo bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Bathi ke abo bawuchukumisáyo baphila mpela.

UMATEWU 15

Isithethe samanyange

(Marko 7:1-13)

1Kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho kuYesu, bevela eJerusalem, bambuza besithi: 2“Kutheni abafundi bakho bengasilandeli nje isithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”

3Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo? 4Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’ 5Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo, 6akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo. 7Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:

8“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,

kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.

9‘Bafumana bendihlonela,

kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’

Ezona zinto zimngcolisayo umntu

(Marko 7:14-23)

10UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde. 11Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”

12Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”

13Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa. 14Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.”

15Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.”

16UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi? 17Aniqondi na ukuba konke okungena emlonyeni, kuya esiswini, kuze kulahlwe ngasese? 18Ke zona izinto ezithethwa ngomlomo, zisuka entliziyweni. Zezo zinto ke ezimenza angcole umntu. 19Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa. 20Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.”

Ukukholwa komKananekazi

(Marko 7:24-30)

21Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon. 22Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.”

23Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.”

24Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”

25Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”

26Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”

27Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”

28Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha.

UYesu uphilisa abantu abaninzi

29Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi. 30Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa. 31Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli.

UYesu wandisa ukutya kwakhona

(Marko 8:1-10)

32UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.”

33Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?”

34Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?”

Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.”

35UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; 36wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. 37Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. 38Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

39Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.

UMATEWU 16

AbaFarasi nabaSadusi bafuna umqondiso

(Marko 8:11-13; Luka 12:54-56)

1*AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini. 2Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’ 3Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?] 4Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.

Igwele labaFarasi nabaSadusi

(Marko 8:14-21)

5Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka; 6waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”

7Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.”

8UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane? 9Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu? 10Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe? 11Yini na okokuba ningaqondi ukuba bendingathethi sonka xa bendisithi kuni: ‘Lilumkeleni igwele labaFarasi nabaSadusi’?” 12Baqonda ke ngoko ukuba uYesu ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka, koko wayesithi mabalumkele imfundiso yabaFarasi nabaSadusi.

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

(Marko 8:27-30; Luka 9:18-21)

13UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?”

14Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.”

15Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”

16Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”

17Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini. 18Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa. 19Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.” 20Wabayala ke abafundi bakhe ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKrestu.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

(Marko 8:31 – 9:1; Luka 9:22-27)

21Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu. 22UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.”

23Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.”

24UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele; 25kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. 26Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe? 27Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo. 28Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”

UMATEWU 17

UYesu wenziwa kumila kumbi

1Emva kweentsuku ezintandathu uYesu wathatha uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. 2UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya. 3Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu. 4Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu. 7Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!” 8Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” 11Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto. 12Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.” 13Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

14Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe, 15yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini. 16Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”

UMATEWU 11:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

During this season, as we anticipate the celebration of Jesus’ birth, the question asked by John the Baptist languishing in prison comes to mind. He sends Jesus a message asking: “Are you the one who was to come, or should we expect someone else?” (Matthew 11:2b). For John this was an existential question: Had his life and preaching been in vain? Did the hope of encountering Jesus as the Messiah vanish into thin air? Did he get it wrong and put himself out on a limb? Was there perhaps another Messiah with a more respectable lineage born somewhere in a palace?

Like John the Baptist, we too are familiar with the attributes of the Messiah, but often our loyalties lie elsewhere. Often we are enticed by the promises of other Messiahs we meet along the way: our love of material goods, success, security, luxury, selfishness and pride, which all promise to save us from our sense of hopelessness. How then shall we recognise the Messiah in the midst of all the attractions and distractions of the “festive season”?

Perhaps we should tune our ear to Jesus’ reply to John’s followers: “Go back and report to John what you hear and see: the blind receive sight, the lame walk, those who have leprosy are cured, the deaf hear, the dead are raised, and the good news is preached to the poor” (Matthew 11:4-5). Being human, we’re prone to missing the signs of hope. Hope is not born of the vain expectations of a culture, which has abandoned the promise of salvation along the way a long time ago, or has bartered it for the empty promises of the rich and mighty. Hope comes to pass where new life is born.

May you celebrate Advent this year as a time of renewed hope and rekindled joy for you and your loved ones.

Prayer: Lord, as we celebrate the season of hope, remind us once again of the shepherds who took the message from the angel to heart and set out to find the Child. May we celebrate this Advent season with stars in our eyes and great expectations in our hearts. Amen

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-