Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 30

Umbono kanaphakade

Itekisi yeBhayibhile

ISITYHILELO 21

Izulu elitsha nehlabathi elitsha

1Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu. 2Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni. 3Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. 4Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

5Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.” 6Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi. 7Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

ISITYHILELO 21:1-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ithemba eliziswa liLizwi likaThixo kuthi lahlukile kulo naliphi na elinye ithemba, ngoba lona alipheli. Njengabanakekeli, kufuneka ubone umsebenzi wakho wonakekelo ngeliso lomsebenzi wanaphakade ukuze uqonde eyona ntsingiselo yawo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-