Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 3

UThixo ngumthombo walo lonke unakekelo

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 40

Iindaba zovuyo

1“Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,”

utsho kaloku uThixo wenu.

2“Thethani kakuhle neJerusalem;

dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile.

Kaloku izono zayo zixolelwe;

*uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”

UISAYA 40:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 49

13Memelelani ngovuyo, nina mazulu;

yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;

hlokomani nivume, nina zintaba!

Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;

uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.

14Ke yena uZiyon uthi:

“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;

iNkosi isuke yandilibala.”

15Waphendula ke esithi:

“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,

ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?

Noba ke yena angade amlibale,

okokwam ke mna soze ndikufulathele,

16kuba igama lakho ndilivambile,

ndilithe tyaba esandleni sam;

iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.

17Bayeza oonyana bakho;

baza kuphinda bakuvuse;

abakutshabalalisayo bayemka.

18Khawulaqaze uqwalasele:

nâbo oonyana bakho bexhontelana;

nâbo bebuya begxalathelana.

Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,

nawe wozingca ngoonyana bakho,

uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.

UISAYA 49:13-18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 1

UPawulos ubulela uThixo

3Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. 4Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye. 5Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu. 6Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu. 7Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.

2 KWABASEKORINTE 1:3-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Unakekelo lubandakanya intuthuthuzelo – ukwenza ukuba umthwalo womnye umntu uthwaleke; ngomzimba, ngeemvakalelo nangokomoya. IBhayibhile ithetha kakhulu ngale nto, ngakumbi ngoThixo othuthuzela abantu bakhe okanye oyalela umntu othile ukuba abathuthuzele.

Kwileta yakhe yesibini ayibhalela ibandla laseKorinte, umPostile uPawulos ucacisa ukuba siwufuna phi na umthombo wentuthuzelo, nokukwazi kwethu ukuthuthuzela abanye.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-