Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 28

Umthandazo wokuxhasa abanakekeli

Itekisi yeBhayibhile

KWABASE-EFESE 1

Umthandazo kaPawulos

15Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo, 16andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni. 17Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi. 18Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe, 19nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa 20wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini. 21Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo. 22Izinto zonke uThixo uzibeke phantsi kolawulo lukaKrestu, waza wammisela wayintloko yezinto zonke ebandleni. 23Ibandla ke lingumzimba kaKrestu, liphuphuma bubukho bakhe lowo uphuphuma ubukho bukaThixo.

KWABASE-EFESE 1:15-23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Lo mthandazo ulandelayo womPostile uPawulos oya kumaKrestu angamaEfese ubalungele kakhulu abanakekeli.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-