Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 17

Isazela noxoleloi.

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 1

18Ewe, uNdikhoyo uthi:

“Yizani, khe sithetha-thethane.

Noba sewudyobheke wankone sisono,

mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;

kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,

mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.

IINDUMISO 103

8UNdikhoyo unenceba nesisa;

uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

9Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.

10Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,

engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.

11Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeni

ukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;

12ulogxoth' izono zithi qelele kuthi

njengempumalanga nentshonalanga.

IINDUMISO 103:8-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 5

23Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe, 24wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.

UMATEWU 5:23-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 1

6Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso. 7Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

8Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela. 9Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

1 KAYOHANE 1:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 4

32Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

KWABASE-EFESE 4:32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Sonke siyazenza iimpazamo kumaxesha ngamaxesha. Abanye bethu sikhe sadibana nokuphatheka kakub

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-