Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 10

Abanakekeli basikelelekile

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 41

Umthandazo wesigulana

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Hayi uyolo lomntu obonelela amahlwempu;

womhlangula *uNdikhoyo xa yena esengxakini.

2Womkhusela amlondoloze ebomini.

Womthamsanqela emhlabeni,

angamyekeli kwiintshaba zakhe.

3UNdikhoyo womonga xa angaphilanga,

ambuyisele empilweni.

IINDUMISO 41:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 5

Intshumayelo yasentabeni: Abanoyolo

1Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; 2waza wabafundisa, esithi:

3“Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

5Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!

6Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

7Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!

8Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

9Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

10Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

11“Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka. 12Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu.

UMATEWU 5:1-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Isibhalo sisifundisa ukuba uNdikhoyo uyabasikelela abo banakekele abanye.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-