Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 8

UYesu Kristu – ithemba lomntu

Itekisi yeBhayibhile

UYOHANE 1

14ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

UYOHANE 1:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 2

4ofuna ukusindisa bonke abantu, baze bafikelele ekuyazini inyaniso. 5Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana, 6owazenza intlawulelo yenkululeko yoluntu luphela. Wayingqinela injongo kaThixo kanye ngexesha elifanelekileyo, ngokwenjenjalo.

1 KUTIMOTI 2:4-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 3

18“Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.

UYOHANE 3:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

UMoya umniki-bomi

1Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu.

KWABASEROMA 8:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UThixo wasibonisa uthando lwakhe ngokusinika uNyana wakhe. Waba njengathi ukuze aphile phakathi kwethu, ukusibonisa indlela.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-