Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 24

Uvuyo noXolo

Itekisi yeBhayibhile

KUTITO 3

4Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu 5wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha. 6Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu. 7Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.

KUTITO 3:4-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 126

5Abo bahlwayela behlininika besezinyembezini

banga bangavuna bebobotheka yimincili.

6Abo baphuma bahambe bezibambe ngeenkophe,

bepheth' imbewu, besiya kuhlwayela,

bobuya bedanduluka, bememelela ngemincili.

Kaloku bobuya besikaza, bethwel' isivuno.

IINDUMISO 126:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 128

Inyhweba yabathobela uNdikhoyo

Iculo labahambi.

1Hay' inyhweba yomntu omthobelayo *uNdikhoyo,

ohamba ngokwemimiselo yakhe.

2Onjalo uyazibona iziqhamo zemisebenzi yakhe;

uhlala ngokonwaba enenkqubela.

IINDUMISO 128:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 2

17Ngoko ke weza washumayela iindaba ezimnandi zoxolo, kuni nina babekade bekude, nakwabo bebekufutshane kakade.

KWABASE-EFESE 2:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 1

3Wanga uThixo wethu neNkosi yethu uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.

KUMAGALATI 1:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Abantu abakhangela ulonwabo kwizinto nje ezingelolutho nakwiziyolo zethutyana baya kukuphoxeka kungekudala. Kambe ke, ukuba siphila ngokweLizwi likaThixo, siza kuba novuyo nolonwabo lwanaphakade.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-