Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 23

Sasazani iiNdaba eziLungileyo

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 5

16Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

UMATEWU 5:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 28

19Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; 20nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

UMATEWU 28:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1

8Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 8

Iindaba ezimnandi zishunyayelwa eSamariya

4Abakholwayo ababethe saa, bahamba bezishumayela iindaba ezimnandi kulo lonke.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 8:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 10

42Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. 43Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”

UMSEBENZI WABATHUNYWA 10:42-43XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 4

1Ndiyakuyala phambi koThixo noYesu Krestu oza kugweba abahleliyo nabafileyo, xa afikayo eze kulawula. 2Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde. 3Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo.

2 KUTIMOTI 4:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UThixo ufuna ukufikelela kwihlabathi lonke ngokuncedwa ngamakholwa:

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-