Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 21

UThixo uyaluqinisa ukholo - Part 2
- NgeBandla lakhe
- Ngokuthi kukhonzwe kunye ngabantu abaninzi
- Ngeemfundiso
- Ngobudlelwane noKrestu kunye namanye amakholwa
- NgeSidlo seNkosi
- Ngomthandazo

Itekisi yeBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2

42Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2

46Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, 47bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:46-47XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4

Ukubonelelana kwamakholwa

32Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4:32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9

31Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9:31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 4

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

16UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde;

KUMAHEBHERE 10

25Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

KUMAHEBHERE 10:25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

18Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele, 19nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo. 20Bulelani uThixo uBawo wethu imihla ngemihla ngenxa yeento zonke, ngegama leNkosi yethu uYesu Krestu.

KWABASE-EFESE 5:18-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 27

4Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,

ndaye ndifuna yona kanye:

le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,

ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

IINDUMISO 27:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 122

Izibongo zeJerusalem

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1Hay' imincili endaba nayo basakuthi kum:

“Masihambe siye endlwini *kaNdikhoyo.”

IINDUMISO 122:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 10

14Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo; 15bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!”

KWABASEROMA 10:14-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

9Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. 10Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.

KWABASEKOLOSE 1:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 1

3Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon' ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.

1 KAYOHANE 1:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.

KWABASEROMA 12:5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 12

13Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

14Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi. 15Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba. 16Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe. 17Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani? 18Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe. 19Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto. 20Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.

1 KWABASEKORINTE 12:13-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 6

51Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”

52AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?”

53Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi. 54Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela. 55Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo. 56Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye. 57UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam.

UYOHANE 6:51-57XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 10

16Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu? 17Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.

1 KWABASEKORINTE 10:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 16

23“Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika. 24Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.”

UYOHANE 16:23-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 7

Thandazani nizingisile

7“Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa; 8kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.

UMATEWU 7:7-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 11

UYesu ufundisa indlela yokuthandaza

1Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”

2Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini:

“ ‘Bawo,

malaziwe lihlonelwe igama lakho;

malongame ulawulo lwakho.

3Hlala usibonelela kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

4usixolele izono zethu, kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi;

ungasiyekeli ekulingweni.’ ”

ULUKA 11:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 5

14Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze. 15Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.

1 KAYOHANE 5:14-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Inkonzo (ibandla lakhe) ethi ihlangane kunye ukuze ikhonze ndaweninye, iisakramente nobudlelane babangcwele, likhaya uThixo alinika abanyanisekileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-