Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 20

UThixo uyaluqinisa ukholo - Part 1
- NgoMoya oyiNgcwele
- NgeLizwi lakhe

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 28

20nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

UMATEWU 28:20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

16Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. 17Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.

UYOHANE 14:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

26Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

UYOHANE 14:26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 3

5wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha. 6Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu.

KUTITO 3:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 4

12Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu. 13Akukho nto ifihlakeleyo kuye: yonke into imi ze phambi koThixo. Silindelwe kukwenza ingxelo kuye xa sisonke.

KUMAHEBHERE 4:12-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 3

16Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; 17ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2 KUTIMOTI 3:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 8

“Inyaniso iya kunenza nikhululeke”

31Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. 32Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

UYOHANE 8:31-32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UThixo uyasibonelela ngeendlela zokuqinisa ukholo lwethu ze aluvumele ukuba lukhule ngezi ndlela zilandelayo:

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-