Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 2

UThixo – UMdali wako konke Part 2
- UThixo wadala umntu

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 2

7UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.

EYEZIQALO 2:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 1

27Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

EYEZIQALO 1:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Kwincwadi yeziQalo, sifunda ukuba uThixo wadala uAdam, indoda yokuqala, ngokumbumba ngothuthu lomhlaba. Wathi akumphefumlela waba sisidalwa esiphilayo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-