Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 19

Umntu uphila njani njengesidalwa esitsha? - Part 2
- Ukukhula elukholweni

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEFILIPI 1

9Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu, 10ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa,

KWABASEFILIPI 1:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 6

1Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza,

KUMAHEBHERE 6:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 1

6Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni,

1 KWABASEKORINTE 1:6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

9Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. 10Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.

KWABASEKOLOSE 1:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 2

2Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

1 KAPETROS 2:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Isidalwa esitsha kufuneka sikhule yaye sivuthwe emoyeni. Ukukhula kwenziwa kukufunda nokumamela iLizwi likaThixo kunye nokuthandazela nokuthandaza namanye amakholwa.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-