Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 18

Umntu uphila njani njengesidalwa esitsha? - Part 1
- Khathalelanani
- Yiba ngumzekelo kwabanye

Itekisi yeBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 10

24Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

1 KWABASEKORINTE 10:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 10

32Ziphatheni ngohlobo lokuba ningaphazamisi bani, nokuba ngumJuda, nokuba ngumGrike, nokuba ngowebandla likaThixo. 33Xelisani mna, mna ndizama ukwanelisa wonke ubani ngento endiyenzayo. Andenzeli kulungelwa kwam phofu, koko ukulungelwa komntu wonke, ukuze bonke basindiswe.

1 KWABASEKORINTE 10:32-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

Amakhosikazi nabayeni bawo

21Thobelanani, niqhutywa kukuba noKrestu nimthobela.

KWABASE-EFESE 5:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

10Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

KWABASEROMA 12:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 6

9Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna. 10Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

KUMAGALATI 6:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 4

5Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo. 6Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

KWABASEKOLOSE 4:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 5

16Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

UMATEWU 5:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EKAYAKOBI 1

22Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

EKAYAKOBI 1:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KAPETROS 1

10Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.

2 KAPETROS 1:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 3

18Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

Aninasazela phambi koThixo

19Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo.

1 KAYOHANE 3:18-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-