Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 17

Nabani okholelwa kuKrestu uba sisidalwa esitsha

Itekisi yeBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 5

17Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha. 18Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.

2 KWABASEKORINTE 5:17-18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 3

3UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”

4UNikodimo wathi kuye: “Angáthini na ukuzalwa umntu oselemdala? Kaloku akangekhe aphindele esizalweni sikanina, aze azalwe kwakhona.”

5Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.

UYOHANE 3:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Siyakholelwa kukholo lwethu ngokuthi siphile ubomi bethu ngokweenyani esizifumanisileyo kwiLizwi likaThixo elingunaphakade.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-